1. ISetyhula 0056/2007 yacacisa ukuba iSebe iDoE lifuna amaphondo amodareyithe iincwadi zeempendulo zeeLwimi, zeMathematika nezoLwazi lweMathematika (Mathematical Literacy) kwaye anike iimakhishithi neeshedyuli zonke izikolo. Iimakhishithi zabo bonke abaviwa kwezi zifundo azisazi kufuneka yaye ke ngoko izikolo maziqhubele phambili ngeemakhishithi zazo zezi zifundo.

2. Ukumodareyitha
2.1 Izikolo ziyakhunjuzwa ukuba zithumele iincwadi zeempendulo ezili-9 ezimodareyithwe ngaphakathi kwiSebe iWCED kwezi zifundo zilandelayo:
  • English Home Language Papers 1 and 3
  • English First Additional Language Papers 1 and 3
  • Afrikaans Home Language Papers 1 and 3
  • Afrikaans First Additional Language Papers 1 and 3
  • Afrikaans Second Additional Language Papers 1 and 2
  • isiXhosa Home Language Papers 1 and 3
  • isiXhosa First Additional Language Papers 1 and 3
  • isiXhosa Second Additional Language Papers 1 and 3
  • Mathematics Papers 1 and 2
  • Mathematical Literacy Papers 1 and 2
2.2 Iincwadi zeempendulo mazikhethwe, zisotwe zize zifakwe ngokwesikhokelo esinikwe kule setyhula ikhankanywe ngasentla.

3. Iimakhishithi
3.1 Makuzaliswe iimakhishithi ezinika iinkcukacha zabaviwa namanqaku ngombuzo ngamnye wabaviwa abancwadi zeempendulo zabo zikhethwe sisikolo ngenjongo yokumodareyithwa.
3.2 Izikolo mazizalise imakhishithi eqhotyoshelweyo (WCED1) yombuzo ngamnye kwisifundo ngasinye sezi zifundo zingasentla zifundiswa esikolweni.
3.3 Ikopi eprintiweyo yemakhishithi nganye yezi zifundo zingasentla mayifakwe kwiincwadi zeempendulo ezithunyelwa kwiphondo ngenjongo yokumodareyithwa.
3.4 Inkonzo yekhuriya yeCandelo leeMviwo iya kuqokelela iincwadi zeempendulo neemakhishithi nge-29 okanye nge-30 Novemba 2007.

4. Ishedyuli zokupasa
4.1 Izikolo mazinike ii-ofisi zezithili iishedyuli zokupasa njengesiqhelo. ISebe iWCED liya kuzifumana ezi shedyuli ngqo kwii-ofisi zezithili yakuba nje yenziwe inkqubo yokupasa kwabafundi.
4.2 Izikolo zingasebenzisa iishedyuli zazo zokupasa, ishedyuli enikwe kwiSetyhula 0049/2007 okanye ishedyuli (WCED2) ehamba kunye nale ngcaciso imfutshane.

5. Iimakhishithi zezifundo
5.1 ISebe iDoE licacise ukuba liya kufuna amanqaku ezifundo zeBakala 11 (amanqaku e-CASS namanqaku oviwo ngephepha ngalinye) kuzo zonke izifundo ezibhalwe zizikolo kulo nyaka.
5.2 ISebe iWCED liya kuthumela iimakhishithi ezikolweni ngoJanuwari 2008 ukuze kufakwe ngekhompyutha idatha yeBakala 11 (ka-2007).
5.3 Le datha iya kusetyenziselwa uvavanyo olungaphezulu lweprogram yekhompyutha entsha yeBakala 12.
5.4 Umzekelo wedatha efunekayo kwisifundo ngasinye uhamba kunye nale ngcaciso imfutshane (WCED3).
5.5 Iinqununu maziqinisekise ukuba izikolo zazo zinedatha efanelekileyo ukulungiselela lo msebenzi ngo-2008.

6. ISebe iWCED licela uxolo ngesaziso esifike kade esimalunga neemakhishithi kwaye libulela izikolo ngokuzimisela kwazo nentsebenziswano yazo ekuqhubeni uviwo lweBakala 11.


ISAYINWE: NGU- Z MODIMAKWANE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:11:23


The following documents relate to this minute / circular.  ExcelŽ is required to view / print these documents.
Click on a title below: the document will open in a separate window.  To return to this circular, close the window.

Individual question mark sheet (WCED1)  Excel format
 (ubukhulu: 19 KB)  (or Acrobat (pdf) format  ubukhulu: 11 KB)

Promotion Schedule (WCED2)  Excel format  (ubukhulu: 19 KB)  (or Acrobat (pdf) format  ubukhulu: 11 KB)

Subject mark sheet (WCED3)  Excel format  (ubukhulu: 18 KB)  (or Acrobat (pdf) format  ubukhulu: 11 KB)