UMphathi weProgram yeZakhono ze-HIV/AIDS yeSebe leMfundo eNtshona Koloni (WCED) uyakumema ukuba uze kumasifundisane weeyure ezi-21/2 wokunikwa ulwazi nengcaciso malunga nomba wokufundisana koontanga.

Injongo yalo masifundisane kukwabelana nawe ngokukwisikhokelo seSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokufundisana koontanga i-WCED/GoLD peer education conceptual framework kunye nesicwangciso sokuphunyezwa kwaso, ukwenzela ukuba isikolo sakho sithathe inxaxheba ephambili ngokukhawulelana nomboneleli-nkonzo simnike inkxaso kumsebenzi wokuphumeza le program esikolweni sakho.

I-GoLD (Generation of Leaders Discovered) yindlela yokufundisana koontanga ekuyindlela yokufundisa eba nenxaxheba enkulu nemgangatho wayo uqinisekisiweyo kwiinkokheli ezilulutsha ekuthinteleni iHIV, ekunciphiseni isimilo esibeka ulutsha emngciphekweni nenkxaso enikwa esikolweni nakuluntu lwasekuhlaleni ulutsha olusesichengeni.

Iprogram yokufundisana koontanga i-GoLD yasekwa ngo-2005 kwizikolo eziyi-94 ezizisekondari; yaye apha ku-2006 le program iza kunabela kwizikolo eziyi-147 ezizizsekondari kweli phondo. (Jonga uluhlu oluqhotyoshelweyo.)

Ukuphunyezwa kweprogram i-GoLD ezikolweni kuxhaswa ngemali ikakhulu, (kodwa akuphelelanga apha) yi-The Global Fund to Fight AIDS, yi-Tuberculosis and Malaria (elawulwa liSebe lezeMpilo) ne-HIV/AIDS Life Skills Conditional Grant (elawulwa liSebe i-WCED). Inkxaso engaphezulu yezimali, kwakunye nomdla woluntu lwendawo leyo kungenza ukuba iSebe iWCED lilandisele nakwezinye izikolo eli phulo. Izikolo ezingathathi nxaxheba ziyakhuthazwa ukuba zijonge iprogram emalunga nalo mba.

Apha kuqhotyoshelwe la maxwebhu alandelayo:

Ingcaciso engaphezulu ingafunyanwa kwi-GoLD Peer Education Development Agency, Ifoni. 021 685 5039 okanye kule imeyili rsvp@goldpe.org.za



ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:02:20

Uludwe lwezikolo ezithatha inxaxheba njengangoku  (ubukhulu: 21 KB)
Ingcaciso malunga nomasifundisane wokunika ulwazi  (ubukhulu: 11 KB)
Ingcaciso ngamalungiselelo enzelwa umasifundisane  (ubukhulu: 6 KB)
Ifom yokuphendula  (ubukhulu: 8 KB)