1. INTSHAYELELO

ISebe iWCED lizibophelele ekusebenziseni indawo yalo ekwaziseni nge-HIV/AIDS, ekusasazeni ingcaciso nge-HIV/AIDS nangokusulela kwayo, nokuncedisa ekuguquleni iindlela zokucinga zabantu abatsha khon' ukuze kuthintelwe ukusasazeka kwalo bhubhane. Oku kuya kwenziwa ikakhulu ngokufundiswa kwabafundi eziklasini, kodwa ke ze kuphinde kusetyenziswe izinto ezenziwa emva kweeyure zokufundisa kunye namalinge angamanye.

Ukufundisa ngezesini neHIV/AIDS nezakhono zolwazi ngezobomi kwikharityhulam ngokubanzi ayingomsebenzi owongezelela kwizifundo kwaye ingenguwo nongathi ukhethe ukungawenzi. Ngumsebenzi oyingxam ephambili yekharityhulam kazwelonke. Ukuphunyezwa kwawo kunyanzeliswa ngumthetho kuzo zonke izikolo zaseNtshona Koloni. Ngako oko ke, njengoko imfundo yezakhono zolwazi ngezobomi malunga neHIV/AIDS kufuneka iphunyezwe ngokufundiswa eklasini, ngokulandelwa kwekharityhulam, ngokufundiswa eklasini, uqeqesho lootitshala yingxam engundoqo kwiProgram yeHIV/AIDS.

Ngenxa yoku sele kuchaziwe ngentla apha, kunyanzelekile ke ngoko ukuba ootitshala babafundi kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa abakhubazeke kakhulu ngokwasengqondweni nabane-autism, bafumane uqeqesho kwiHIV/AIDS, nokuba bancediswe kufakwe imfundo ngeHIV/AIDS nangezakhono zobomi kwikharityhulam ngendlela efanelekileyo kwaba bafundi kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa.


2. ABAQEQESHI

I-Training Workshop Unlimited (TWU), eqeshelwe ukuqhuba uqeqesho lootitshala nophuhliso lwezikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa eNtshona Koloni, ngumbutho ophantsi kweCape Mental Health Society, nekungumbutho othatha inxaxheba ephambili kubahlali ngabahlali kwiPeninsula ngokubanzi. I-TWU sele inamava ekuqhubeni iikhosi zoqeqesho kwizakhono zobomi kwizinto emazaziwe kuqala (basic life skills), kwizakhono zobomi ezikudidi oluphezulu (advanced life skills), kwizakhono zokusebenza (work skills), kwizakhono zamakhondo omsebenzi ezithile (specific career skills) nokuqeqeshelwa umsebenzi kubantu abakhubazeke ngokwasengqondweni.

Abaphathi nabasebenzi baseTWU (Training Workshop Unlimited) benze uphando olubanzi ukwenzela ukuba babe nako ukuvelisa iprogram ye-HIIV/AIDS and Sexuality efanelekileyo kumaqela eminyaka yobudala ahlukeneyo, kumanqanaba okusebenza ahlukeneyo nakwiinkcubeko ezahlukeneyo kweli laseMzantsi Afrika. Ngoko ke baqeqeshwe ngokufanelekileyo ukuba benze iinkonzo egameni leSebe i-WCED.


3. IPROGRAM YOQEQESHO NEZIBONELELO EZISETYENZISWAYO

Sele kuqhutywe inani loomasifundisane boqeqesho kunyaka ka-2005 no-2006. Ikhosi yoqeqesho yokugqibela iya kuqhutywa eWorcester (niya kuqinisekiswa ngendawo eya kuba kuyo kamva) ukususela nge-10 ukuya kwi-12 Januwari 2007. Ngootitshala abayi-30 bebonke abanako ukufumana indawo yokuhlala (ootitshala ababini besigaba ngasinye kwisikolo ngasinye). Oku kuchaphazela ngakumbi ezo zikolo apho ootitshala bazo bengekayi kuzo naziphi na iiseshoni zoqeqesho ukuza kuthi ga ngoku.

Iprogram yoqeqesho iya kujolisa ekuxhobiseni ootitshala ukuba bafundise iMfundo engeHIV/AIDS nezeSini, ukunika inkxaso nokufundisa abazali nokusebenza njengabaququzeleli besikolo beHIV.

Iprogram iya kwenziwa ingqinelane neziphumo ezingundoqo zezifundo zeNCS kwizikolo eziqhelekileyo (main stream schools). Ootitshala nabafundi baya kunikwa izincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) nekhithi yoqeqesho (isikolo siya kuyinikwa mahala). Le khithi inezi zinto, oonodoli abanamalungu omzimba (anatomically correct) nebhodi yemidlalo (board game). Izincedisi zokufunda (material) ziya kufumaneka ngeelwini ezintathu zaseburhulumenteni kwaye ziya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa ngo-2007.


4. IZINCEDISI ZOKUFUNDA NOKUFUNDISA (LTSM)

Iimfuno zesikolo zezincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) mazi-odolwe ngokuzalisa ifom yerikhwizishini eqhotyoshelweyo nemayifekselwe kulo Ms A du Toit kule nombolo yefeksi 021 467 2127 okanye 021 425 7465 ungadlulanga umhla we-31 Oktobha 2006.


5. IMIBA ECHAPHAZELA IMALI

I-HIV/AIDS Conditional Grant yenze ukuba kufumaneke inkxaso-mali yokuhlawula zonke iindleko ezenziweyo ukulungiselela iprogram yeHIV/AIDS. Ezi ndleko zibandakanya oku kulandelayo:

  • Ukulungiselela into etyiwayo (catering)

  • Indawo yokuhlala ngokweentlawulo zeDPSA (abathunywa bangazenzela amalungiselela endawo yokuhlala bazihlawulele iindleko baze ke bathumele amabango entlawulo kule ofisi WCED HIV/AIDS Unit)

  • Iindleko zohambo ngokweentlawulo zeDPSA

Onke amabango makathunyelwe kule dilesi ilandelayo:

HIV/AIDS Programme Unit
Western Cape Education Department
18th Floor
Golden Acre Building
Private Bag X9114
Cape Town
8000

Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu malunga nemiba echaphazela imali, nceda uqhagamshelane nomnye waba balandelayo abakwi-HIV/AIDS Programme Unit kwaNdlunkulu:

Mnu Johan Keyzer (Ifoni: 021 467 2126) 
Nks Angelique du Toit (Ifoni: 021 467 2101)
6. UBHALISO

Inkqubo yokubhalisela uqeqesho kootitshala iya kwaziswa izikolo yi-Training Workshop Unlimited kwakamsinya.

Njengoko abanye ootitshala kwizikolo zemfundo eneemfuno ezizodwa sele beyile kwezi khosi zoqeqesho (ezaqhutywa amaxesha amaninzi ukususela ngoFebruwari 2006), ngoku kunikwa elinye ithuba kwezo zikolo zingazange zithumele ootitshala ababini kwisigaba ngasinye soqeqesho. Ukuba iinqununu zezo zikolo zinqwenela ukuthumela ngaphezu kootitshala ababini ukuba baqeqeshwe, ziyakhuthazwa ukuba zisebenzise eli thuba zibhalise abo titshala.

Kucelwa uqhagamshelane noNks Angelique du Toit (Ifoni: 021- 467 2101) ukuba ngaba unayo nayiphi na imibuzo ngokubanzi efuna ingcaciso engaphezulu malunga nobhaliso.

Siyabulela kakhulu ngenkxaso yenu kolu qeqesho lubaluleke kangaka.



ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:23

Requisition form  (ubukhulu: 8 KB)