1. ICandelo loLawulo nokuPhathwa kwamaZiko (Institutional Management and Governance Planning [IMGP]) belithweswe umsebenzi wokuququzelela iNkomfa yamaBhunga oLawulo eZikolo (SGBs) ebibanjwe nge-30 Septemba 2006. I-IMGP inqwenela ukuvakalisa umbulelo ongazenzisiyo kuloo malungu eeSGB nakwiinqununu ebezizile kule nkomfa nabayenze yayimpumelelo enkulu nekuzuzwe lukhulu kuyo.
2. Kule nkomfa, iCandelo le-IMGP liye lavuma ukwenza afumaneke kuzo zonke izikolo neeSGB amaxwebhu angezihloko ebekuxoxwa ngazo.
3. La maxwebhu, kunye nenye ingcaciso eyongezelelweyo, enziwe aba ziifayili kwaye athunyelwa kuzo zonke izikolo njengangoku, ngokugqithiswa kwii-EMDC. Kungongezwa ezinye izihloko kwezi fayili kwixa elizayo kunye nezihloko ezitsha zezinto eziqhubekayo njengoko zifuneka.
4. Ezi fayili zezokusetyenziswa sisikolo kunye namalungu eSGB kwaye mazigcinwe esikolweni. Xa ifayili ibolekwe ngumntu ukukhangela ingcaciso, makubhalwe kwirekhodi igama laloo mntu uboleka ifayili, umhla ebolekwa ngawo aze lowo uyibolekayo ayisayinele. Xa lowo obeyibolekile eyibuyisa ifayili, inqununu okanye umthunywa wayo makasayine xa esamkela loo fayili.
5. Ezi fayili okwangoku zinamaxwebhu abhalwe ngesingesi kuphela, kodwa ke amaxwebhu lawo njengangoku aguqulelwa kwisi-Afrikansi nasesiXhoseni kwaye la maxwebhu aguqulweyo aya kuthunyelwa kamva. Isikolo ngasinye ke ngoko siya kuba noxwebhu olubhalwe ngesiNgesi nolwesibini oluguqulelwe kolunye ulwimi lwaseburhulumenteni esilukhethayo.
6. Ziyacelwa izikolo neeSGB ukuba zizalise ifom yesicelo eqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane zitsho ukuba zifuna ifayili yesibini ibekoluphi na ulwimi. Kucelwa ufeksele ifom ezaliswe ngokupheleleyo kuMnu S Philander, weCandelo le-IMGP kule nombolo yefeksi (021) 467-2268.
7. Ifayili yesibini iya kuthunyelwa kwakuba kufunyenwe ifom yesicelo ezalisiweyo.
8. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:16

Request form  (ubukhulu: 15 KB)