1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuqhuba uphando ukususela ngoJuni 2006 - Novemba 2006 lokuphanda ngokufundiswa kweMfundo noQeqesho lwaBadala (Adult Basic Education and Training) (ABET) njengangoku eNtshona Koloni.
|
2. |
Iinjongo eziphambili zolu phando zezi zilandelayo:
|
2.1 |
Ukujongisisa ngeliso elibukhali (critically review) ukufundiswa kwe-ABET eNtshona Koloni
|
2.2 |
Ukunika iingcebiso zokuphucula ukufundiswa kwemfundo yabadala ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kuyafikelelwa kwiziphumo zesiCwangciso soPhuhliso lweZakhono zoLuntu (Human Capital Development Strategy) ngokumalunga nokufikeleleka nokwandiswa kwemfundo yabadala
|
2.3 |
Ukujongisisa indlela yokufundisa kumaZiko eMfundo yaBadala (Community Learning Centres (CLCs)), kubandakanywa iiyure zokusebenza kwee-CLC nekharityhulam efundiswayo nokwenza iingcebiso ngokumalunga noku
|
2.4 |
Ukwenza iingcebiso ngokumalunga nokwakhiwa kwamaziko e-ABET asisigxina
|
3. |
Eli ziko The Centre for Adult and Continuity Education, elikwiYunivesithi yaseNtshona Koloni, ngumboneleli-nkonzo oqeshelwe ukwenza olu phando.
|
4. |
Njengenxenye yale nkqubo, umboneleli-nkonzo uya kusebenzisana nabasebenzi abakwii-EMDC kunye nesampula (sample) yee-CLC kuzo zosixhenxe ii-EMDC. Abaphathi be-EMDC, abaphathi bee-CLC kunye namaBhunga oLawulo amaZiko (CLC management and Centre Governing Bodies) baya kutyelelwa ngumboneleli-nkonzo kwaye bayacelwa ukuba basebenzisane naye ngethuba lale nkqubo.
|
5. |
Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo.
|
ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:03
|