1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) kutsha nje lazise izikolo ngokuphehlelelwa ngokusesikweni kweBhunga eliMele aBafundi leNtshona Koloni (Western Cape Representative Council of Learners) (WCRCL) ngoLwesine, 15 Juni 2006. Izikolo beziceliwe ukuba zingenise izindululo zezilungiso kumgaqo-siseko oyidrafti, kunye nefom ezalisiweyo yokujoyina (completed affiliation form). Izikolo zazikwaceliwe nokuba zityumbe amalungu amathathu e-RCL ukulungiselela ukuphehlelelwa ngokusesikweni.
1.1 Ngokwenjenje kucelwa izikolo ukuba zithathe inxaxheba koku kuphehlelelwa ngokusesikweni kwebhunga i-Western Cape Representative Council of Learners (WCRCL). Makuzaliswe ifom yobhaliso eqhotyoshelweyo ize ithunyelwe kuMququzeleli we-EMDC RCL.
1.2 Ukuphehlelelwa ngokusesikweni kuya kuqhubeka ngoLwesine, 15 Juni 2006 e-His People Christian Worship Centre, N1 City, eGoodwood, eKapa.
2. Umbutho oyi-Western Cape Youth Commission (WCYC) ulungise iprogram yangoLwesihlanu, 16 Juni 2006, ukukhumbula uSuku loLutsha lweMinyaka eyi-30 (30 year celebration of Youth Day). I-RCL, njengekomiti yolutsha ye-WCED, imenyiwe ukuba ithathe inxaxheba. Amalungu ee-RCL aze kweli theko aya kuthi ke ngoko athathe inxaxheba kwinkqubo ye-WCYC.
2.1 ISebe iWCED likhe labamba iingxoxo neWCYC malunga nemibandela efana nokhuseleko nolawulo, kwaye lanelisekile ukuba kuthathwe amanyathelo aneleyo okuqinisekisa ukhuseleko lwabafundi. Ukongeza kula manyathelo athathwe yi-WCYC, iSebe iWCED lilungiselela ukuba la manyathelo abe phantsi kweliso elibukhali nangaphezulu.
2.2 Iprogram yangoLwesihlanu, 16 Juni 2006 iya kuqhubekela eBonteheuwel nakwaLanga ngokulandelelanayo.
3. Kuqhotyoshelwe apha iprogram eyidrafti yemicimbi yezi ntsuku zimbini. Abafundi mabanxibe iiyunifom zezikolo zabo kwiintsuku zombini, kuze apho kufanelekileyo, banxibe iibheji zabo zeRCL.
4. Kulungiselelwe izithuthi abafundi abavela kwii-EMDC ezizezi South Cape & Karoo, Breede River ne-Overberg ne-West Coast & Winelands (kungabandakanywanga imimandla yaseStellenbosch, ePaarl naseWellington). Aba bafundi baya kuthuthwa ukusiwa eKapa ngoLwesithathu, 14 Juni 2006. Iindawo abaya kuthathwa kuzo (pick-up points) namaxesha okuthathwa kwabo (pick-up times) ziza kufumaneka kwakamsinya. Indawo yokuhlala nento etyiwayo zilungiselelwe kude kube ngoLwesihlanu, 16 Juni 2006. Iibhasi ziya kusuka eKapa ngoLwesihlanu ngo-15:00. Impahla yomntu ngamnye mayibe ngumthwalana nje omncinane kwaye izinto ezixabisekileyo mazishiywe ekhaya.
5. Ziyacelwa izikolo ezikwii-EMDC ezisezidolophini ezine, kwakunye nezemimandla yaseStellenbosch, ePaarl naseWellington ukuba zilungiselele abafundi izithuthi ngezi ntsuku zombini.
6. I-EMDC iceliwe ukuba yenze amalungiselelo okuba utitshala omnye oligosa loqhagamshelwano akhaphe abafundi abangamalungu eRCL abalishumi nesihlanu iqela ngalinye. Kuya kubakho ootitshala abangamagosa oqhagamshelwano abayi-200 ngokoqikelelo.
7. Abafundi ngoku abakwiKomiti yeThutyana yeeRCL zePhondo (Interim Provincial RCL Committee) bathathwa njengenxalenye yegqiza labathunywa elisemthethweni (official delegation) elivela kwii-EMDC zabo, njengoko igunya labo landisiwe nguMphathiswa weMfundo, uMnu Cameron Dugmore. Baya kuhlangana noMphathiswa ngobusuku bangoLwesithathu, we-14 Juni 2006 baze bazimase itheko lamaBhaso oMphathiswa (Premier’s Awards Evening) njengeendwendwe zoMphathiswa. Amalungu eKomiti yeThutyana yeeRCL zePhondo (Interim Provincial RCL Committee) avela kwii-EMDC ezisezidolophini ezine, aya kwamkelela nawo aze athathwe ngezithuthi.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:08

Registration Form  (ubukhulu: 8 KB)
Programme  (ubukhulu: 11 KB)