1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuphehlelela iBhunga eliMele aBafundi laseNtshona Koloni (Western Cape Representative Council of Learners (WCRCL)) ngowe-15 Juni 2006. Eyona njongo ephambili ye-WCRCL iya kuba kukusebenza njengekhonkco phakathi kwee-RCL ezikolweni kwelinye icala neSebe leMfundo leNtshona Koloni kunye noMphathiswa weMfundo wePhondo kwelinye icala. Le WCRCL kujongwe kuyo liphulo loMphathiswa weMfundo wePhondo, uMnu Cameron Dugmore, elilelinye leeprojekthi ezizodwa zakhe. Oku kuphehlelelwa kucwangciselwe ukuba kudibane nokubhiyozelwa koSuku loLutsha ngowe-16 Juni.
2. KwiNkomfa ye-RCL yango-2005, konyulwa iKomiti yeThutyana ye-RCL yePhondo yaza yagunyaziswa ukuba iqukumbele uqulunqo lomgaqo-siseko we-WCRCL. IKomiti yeThutyana ye-RCL yePhondo yanika uMphathiswa weMfundo wePhondo uxwebhu oludrafti yesibini yomgaqo-siseko ngoLwesihlanu, we-12 Meyi 2006. Le drafti yesibini nefakwe apha sele ilungele ukuba kuboniswane ngayo kunye nee-RCL ezikolweni (Isafumaneka okwangoku ngesiNgesi kuphela).
3. Ziyacelwa izikolo ukuba zifikelele esigqibeni sokuba ngaba zinqwenela ukuzibandakanya ne-WCRCL okanye hayi, ngokususela kwiiNjongo neeMbono ze-WCRCL njengoko zicaciswe kumgaqo-siseko. Kufuneka ke ngoko ii-RCL zithetha-thethane kunye nabafundi abangoogxa bazo malunga nokuzibandakanya ne-WCRCL. Apho abafundi besikolo bafikelela esigqibeni sokuba bazibandakanye ne-WCRCL, makuzaliswe ifom yeSicelo sokuZibandakanya (Application for Affiliation form) ekwafakwe apha ize ingeniswe kwintlanganiso ye-EMDC ekhankanywe apha ngasezantsi. Kufuneka aBaququzeleli bee-RCL zee-EMDC (EMDC RCL Co-ordinators) kwelabo icala bathumele iifom zesicelo sobulungu kuMququzeleli wePhondo we-RCL (Provincial RCL Co-ordinator) ungadlulanga umhla wesi-2 Juni 2006.
4. Ziyacelwa kwakhona izikolo ukuba zixoxe ngalo mgaqo-siseko ngenjongo yokuvelisa izimvo ngezinto ezifuna ukutshintshwa/ngezilungiso ezifuna ukufakelwa kule drafti. Emva koko izikolo mazikhethe abameli abathathu be-RCL abaza kuya kwintlanganiso ye-EMDC apho baya kwabelana nezinye izikolo ezikwi-EMDC ngazo naziphi na izimvo ezifuna ukutshintshwa/izilungiso ezifuna ukufakelwa (ekufuneka ziziswe zibhaliwe).
4.1 UMququzeleli wee-RCL kwii-EMDC uya kwazisa izikolo ngomhla, indawo nexesha lentlanganiso ye-EMDC. Ezi ntlanganiso zee-EMDC zifanele ukuba zibe ziyaqukunjelwa nge-31 Meyi 2006.
4.2 Bayacelwa aBaququzeleli bee-RCL abakwii-EMDC ukuba bathumele isishwankathelo sezinto abaceba ukuzitshintsha/ukuzilungisa kuMququzeleli wePhondo we-RCL ungadlulanga umhla wesi-2 Juni 2006.
5. Ukulungiselela iinjongo zokuba kungabikho kuqhawuka kulwazi ngemicimbi ephethweyo nokuba kuyondelelaniswe inkqubo, abameli abathathu be-RCL abaye kwintlanganiso ye-EMDC bafanele ukumela isikolo eso kwitheko lomphehlelelo. Ngako oko ke ziyakhuthazwa izikolo ukuba ziyeke abafundi beBakala 12 abakwi-RCL balungiselele ngokwaneleyo uviwo oluzayo lokuphela konyaka, endaweni yabo zikhethe kubafudi bamaBakala 8 - 11 ukuba baye entlanganisweni ye-EMDC nakwitheko lomphehlelelo.
6. Amalungu e-RCL ayayo kwitheko lomphehlelelo ngowe-15 Juni aya kuthatha inxaxheba kwakhona kwimibhiyozo yoSuku loLutsha (ngowe-16 Juni) eququzelelwa yiKhomishini yoLutsha yaseNtshona Koloni (Western Cape Youth Commission (WCYC)). Kodwa ke amalungu e-RCL aya kuthi wona abe phantsi kwenkathalo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni, amagosa alo kunye nootitshala.
7. Ingcaciso engaphezulu malunga netheko lomphehlelelo, ezothutho kunye nendawo yokulala iya kwaziswa izikolo kungekudala.
8. I-WCRCL iya kuthi, zingadlulanga iinyanga ezintathu zokuphehlelelwa kwayo, inyule amalungu esigqeba solawulo kunye namalungu aza kuba sezikhundleni (office bearers) kwintlanganiso eyodwa. UMphathiswa weMfundo wePhondo uthe, ukulungiselela le njongo, walandisa ixesha lokuba sesikhundleni kweKomiti yeThutyana yePhondo ye-RCL (Interim Provincial RCL Committee).
9. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:18

Draft Constitution  (ubukhulu: 20 KB)
Affiliation form  (ubukhulu: 9 KB)