1. Ngokomhlathi 1, weSiqendu 11, seSahluko 2 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika (uMthetho 84/1996) (SASA), ibhunga elimele abafundi kufuneka lonyulwe kwisikolo ngasinye esibhalisa abafundi bamaBakala 8 nangaphezulu, kwaye libhunga elilolu hlobo kuphela elaziwayo nelisemthethweni elimele abafundi esikolweni.
2. IGazethi yeSikhawu yePhondo 5946 yomhla wama-31 Januwari 2003 (Extraordinary Provincial Gazette 5946 of 31 January 2003) inomthetho omalunga nokwakhiwa, imisebenzi, inkqubo yonyulo, ukuchithwa kweRCL nokukhutshwa kwelungu leRCL.
3. Kucetyiswa ukuba inkqubo yokunyulwa kwamalungu eRCL mayigqitywe kwiveki yokuqala kaFebruwari ukuqinisekisa ukuba iiRCL zinika inkonzo yethuba elipheleleyo lokubasesikhundleni kwazo. Izikolo ezingekalugqibi unyulo lwamalungu eRCL ziyacelwa ukuba zenjenjalo ngokukhawuleza.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zingenise amagama amalungu eeRCL ezonyuliweyo ngokuzalisa le fom iqhotyoshelweyo.
5. Abasezikhundleni nabameli kumabhunga olawulo ezikolo mababhalwe ngokucacileyo kwiikholam ezenzelwe loo njongo. Iifom ezizalisiweyo mazibuyiselwe kwiCandelo loLawulo nokuPhathwa kwaMaziko (Directorate: Institutional Management and Governance) kule nombolo yefeksi ingentla okanye zithunyelwe nge-imeyili apha rcl@pgwc.gov.za phambi kowesi-12 Meyi 2006.
6. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:04:20

Ifom Ibunga Elimele Abafundi (RCL)  (ubukhulu: 8 KB)