1. Amabhaso kazwelonke okuwonga ootitshala abonisa ukuthathelwa ingqalelo kokwenza umsebenzi ngokugqibeleleyo nenqanaba eliphezulu lobungcali emsebenzini yaye akwanika abo bakwimfundo ithuba lokubhiyozela impumelelo yootitshala abamsebenzi uqaqambileyo. Ngaphezu koku aqaqambisa ngakumbi umsebenzi owodwa owenziwa ngootitshala ngokubanzi. Ngako oko ke iSebe leMfundo leNtshona Koloni linebhongo ngokuba liza kubamba yaye liququzelele itheko lephondo lonikezelo mabhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala.
2. Ami ngolu hlobo lulandelayo amahlelo ahlukeneyo ala mabhaso:
UKUTSHATSHELA KUPHUHLISO LWEMFUNDO YABANTWANA ABANCINCI
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASEPRAYIMARI
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASESEKONDARI
UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWINQANABA LASEPRAYIMARI
UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWINQANABA LASESEKONDARI
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI ABEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI ABEMFUNDO NOQEQESHO LWABADALA 
IBHASO LOKUPHUMELELA KWIMFUNDO YEXESHA LONKE LOKUPHILA

Kuya kubakho namabhaso ayimali ezikolo ekufundisa kuzo ootitshala abawinileyo bezikolo ezisebenzisanayo, nekufundisa kuzo abawine kwiphondo nakuzwelonke.

3. Bayacelwa bonke ootitshala ukuba bathathe inxaxheba kule nkqubo ngokuthi bangenise amagama abatyunjiweyo (luqhotyoshelwe uxwebhu oluneekhrayitheriya nefomathi) kwiinqununu zabo/kubaphathi bamaziko abo. Iinqununu/abaphathi bamaziko baya kuwathumela kumaZiko oLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDC) abo. Ukuba ufuna nayiphi na ingcaciso eyenye, kucelwa uqhagamshelane nomnye waba baququzeleli balandelayo:
South Cape & Karoo:      Dr Fernholdt Galant           028 713 2928
Breede River & Overberg: Johan van Tonder              028 414 1321
West Coast & Winelands:  JA Mouton & 
                         Dr Michael le Cordeur         022 482 1383
Metropole South:         Karen Dudley & Dryfus Jonas   021 370 2000
Metropole East:          Philip Saunders & Nelson Mama 021 903 1729
Metropole North:         Trevor Adams & Spencer Tonkin 021 938 3000
Metropole Central:       Alton Koense                  021 659 4375
4. Iifom zokutyumba amagama kunye nenye ingcaciso engaphezulu zingakhutshelwa ngekhompyutha kweli ziko lewebhu leCandelo loPhuhliso lwaBasebenzi apha http://www/hrd.wcape.school.za
5. Umhla wokuvalwa kokwamkelwa kwawo onke amagama abatyunjwa yi-28 Julayi 2006.
6. Kucelwa wazise bonke ootitshala besikolo sakho okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-E.D. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:01