1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) liphinde kwakhona lacelwa ngabaququzeleli bamaBhaso oNyaka kaShoprite-Checkers/SABC 2 okuWonga amaKhosikazi aGqwesileyo ukuba lingenise amagama abo batyunjelwe eli bhaso libaluleke kangaka.
2. Amabhaso aza kukhutshelwa la mahlelo asixhenxe alandelayo:
EzeNtlalontle (Social Welfare)
EzobuGcisa neNkcubeko (Arts and Culture)
OoSomashishini (Business Entrepreneurs)
EzeMicimbi yesekuHlaleni (Community Affairs)
EzeMfundo (Education)
EzeMpilo (Health)
EzeMidlalo (Sport)
EzeSayensi neThekhinoloji (Science and Technology)
3. ISebe i-WCED liza kwamkela amagama abatyunjwa awo onke amahlelo. Nakuba kunjalo, liza kujolisa ngakumbi kumagama abo batyunjelwe ihlelo lezeMfundo.
4. Bayakhuthazwa bonke aba, amasekela-balawuli jikelele, abalawuli abaziintloko, abalawuli (kwaNdlunkulu nakwii-EMDC), abaphathi beesekethe, iintloko zamaziko emfundo, abantu abaququzelela imicimbi echaphazela ezesini (gender focal persons) nabo bonke abasebenzi ukuba batyumbe amakhosikazi enze igalelo elibonakalayo kuluntu lwawo aza aphakamisa indima edlalwa ngamakhosikazi kwiSebe i-WCED abatyumbele eli bhaso libaluleke kangaka.
5. Siya kukuthakazelela kakhuIu ukuba ungangenisa amagama abatyunjiweyo kule fom eqhotyoshelweyo kulo: Head: Education, for attention: CM Lee Shong, Room 873, Western Cape Education Department, Private Bag X9114, Cape Town, 8000, ungadlulanga umhla we-25 Apreli 2006. Kuya kubekwa iibhokisi zokufaka amagama abatyunjwa kuzo zonke ii-EMDC.
6. Amagama abatyunjwa angangeniswa nge-imeyili apha: sawoman@calibro.co.za okanye kule webhu: www.sawoman.co.za. Iifom zamangenelo ezifeksiweyo zingathunyelwa apha 011 465 5089.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:20