1. Iqela elikhulu lootitshala abaqeshwe isigxina kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linemfundo engazanelisiyo ezona mfuno zisezantsi zemfundo yoqeqesho lootitshala ukuze babe nokubhaliswa kwiBhunga looTitshala laseMzantsi Afrika (South African Council for Educators (SACE)).
2. Idiploma i-NPDE yenzelwe ukubonelela ootitshala amabanga abo emfundo njengangoku alinganiselwa kwi-REQV 12 okanye nangaphantsi koko xa kuthelekiswa nawona mabanga emfundo makaphunyelelwe alinganiselwa kwi-REQV 13, nekuyeyona iyimfuno esezantsi (minimum requirement).
3. Ubude bale diploma ngokwesiqhelo yiminyaka emibini kubafundi abangesosigxina.
4. Le diploma iya kwenziwa yiYunivesithi yaseNtshona Koloni (Western Cape University (UWC)) neCape Peninsula University of Technology (CPUT).
5. ISebe leMfundo kuZwelonke, libonelela ngebhasari eziya kujongana neendleko zokufunda le diploma kootitshala abanomdla wokuphucula amabanga abo emfundo, ngoncedo lwe-Netherlands Sectoral Budget.
6. Bayacelwa ootitshala abanemfundo esezantsi nababekwa ngoku kolu hlelo Relative Educational Qualification Value (REQV) 12 ukuba benze izicelo zebhasari.
7. Ngo-2006 kuya kubonelelwa abafundi abangama-208 bebonke, kwaye baya kukhethwa ngolu hlobo lulandelayo:

70 ootitshala kwisiGaba seSiseko nama-34 kwisiGaba esiPhakathi kwii-EMDC zasezidolophini

70 ootitshala kwisiGaba seSiseko nama-34 kwisiGaba esiPhakathi kwii-EMDC zasemaphandleni

QAPHELA: Iseshoni zokudibana kootitshala kwii-EMDC zasemaphandleni ziya kuba seWellington. Ibhasari ayizihlawuli iindleko zehambo.

8. Iikhosi ziya kuqala ekuqaleni kukaMatshi 2006.
9. Ootitshala abanqwenela ukwenza izicelo zebhasari mabazalise ifom eqhotyoshelweyo yokwenza isicelo. Iikopi ezizifotokopi ziya kwamkeleka, ukuba ngaba zicacile.
10. Iifom zesicelo ezizaliswe ngokuchanekileyo mazingeniswe ngokugqithiswa kuqala kwiinqununu, ngomhla okanye phambi koLwesihlanu 10 Februwari 2006 kulo:
The Head: Education
Western Cape Education Department
For attention: Mr G de Bruyn (Room 8-78)
Directorate: Human Resource Development
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8000
11. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekeyo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-E.D. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:31

Application Form  (ubukhulu: 33 KB)
NPDE-agreement  (ubukhulu: 29 KB)