1. Iziko ngalinye malicwangcise inkqubo yokuqesha abasebenzi ngokwezakhono zabo (human resource deployment) ukuze likwazi ukujongana neemfuno neenjongo zalo zokwenza iinkonzo. Apha eMzantsi Afrika, ngenxa yenkqubo yexesha elidlulileyo yocalu-calulo, kufuneka sicwangcise ngohlobo lokuba sinike bonke abemi abafanelekileyo ukufikelela ngokulinganayo kumathuba omsebenzi.
2. Iinjongo zoMthetho woBulungisa kwezeNgqesho, ka-1998 (Employment Equity Act, 1998) kukuqinisekisa
(a) ukuba kuqeshwa abasebenzi abamele iintlanga ngeentlanga;
(b) amathuba alinganayo; kunye
(c) nokuphunyezwa kwamanyathelo enkqubo ebonelela ababevinjwe amathuba engqesho ngaphambili (affirmative action measures).
3. Emva kokuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni lamkela iSicwangciso soBulungisa kwezeNgqesho ngo-2002, kwaqulunqwa iqela lezikhokelo nemiyalelo kwaze kwaboniswana ngayo ukwenzela ukunika isikhokelo malunga nokungqinelana nalo Mthetho. Ngo-2005 iSebe i-WCED laqulunqa imiyalelo yokuphunyezwa komgaqo-nkqubo kumaziko emfundo ukuqinisekisa ukuba kuyangqinelwana neSicwangciso soBulungisa kwezeNgqesho seSebe leMfundo leNtshona Koloni kunye neenjongo zaso kwakunye neenjongo zoMthetho woBulungisa kwezeNgqesho, ka-1998. Lo myalelo uqhotyoshelwe njengeSihlomelo A yaye imigaqo yale ngcaciso emfutshane iya kuphunyezwa ngoko nangoko.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho ekuqinisekiseni ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni liyawulandela ngqo lo Mthetho kunye neenjongo zawo.


ISAYINWE: NGU-E.D. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:17

Isihlomelo A  (ubukhulu: 58 KB)
Employment Equity Act, 1998  (ubukhulu: 28 KB)