1. Ngeenjongo zokuqinisekisa ulawulo olululo lwemali kwizikolo zikarhulumente, iSebe leMfundo leNtshona Koloni kufuneka, kangangoko kunako, linike uqeqesho kubantu abajongene nohlobo olunjalo lolawulo lwemali. Aba bantu babandakanya abalandelayo:
  • Iinqununu

  • Amalungu ebhunga lolawulo

  • Amagosa emali okanye kubaxhasi ngeebhasari

  • Oonobhala

2. Ukuze kube nokunikwa uqeqesho olufanelekileyo, iimfuno zamaqela ekujoliswe kuwo (target groups) maziqatshelwe ngokusebenzisa uphicotho lwezakhono. Ukuzaliswa ngokupheleleyo nangokuchanekileyo kweefom eziqhotyoshelweyo kuyinto, ngoko ke, ebalulekileyo njengoko inkcazelo enikiweyo iya kusetyenziswa ekuthatheni isigqibo malunga nokubalulekileyo ngokuphathelele kuqeqesho ngo-2006 nango-2007.
3. Umntu ngamnye osesikolweni ekubhekiselelwe kuye kumhlathi 1 ngentla, makazalise le fom yesaveyi ayithumele, ngoMvulo, we-30 Januwari 2006, kuNks Rosemary Swartz (Secretary: Human Resource Directorate) kwifeksi 021 467 2694.
4. Intsebenziswano yakho malunga noku iya kuthakazelelwa.


ISAYINWE: NGU-E.D. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:17

Skills Audit Survey  (ubukhulu: 11 KB)