1. IPhulo leeNtsuku ezili-16 zeNkcaso kwiMpatho-mbi: Phantsi ngobuNdlobongela oBenziwa eBafazini, liphulo elenziwa minyala le leZizwe eziManyeneyo (United Nations campaign) neliqala kulo nyaka nge-25 Novemba (uSuku lwaMazwe ngaMazwe lokuthi Phantsi ngobuNdlobongela oBenziwa eBafazini (International Day of No Violence Against Women)) liqhube de kube nge-10 Disemba (uSuku lwaMazwe ngaMazwe lwamaLungelo oLuntu (International Human Rights Day)). URhulumente waseMzantsi-Afrika uqhuba kwangaxeshanye iphulo elithi phantsi ngobundlobongela obenziwa ebantwaneni.
2. Injongo yeli phulo kukwenza abantu baseMzantsi-Afrika bazi kakhulu nangakumbi ngobundlobongela obenziwa ebafazini nasebantwaneni, ukuba obu bundlobongela buzibonakalisa njani kuluntu lwaseMzantsi Afrika nesiphumo sobu bundlobongela kula maqela axhatshazwa ngokulula.
3. Kwinzame zokwenza kwaziwe nangakumbi ngobu bundlobongela ngabasebenzi beSebe leMfundo leNtshona Koloni, iCandelo loPhuhliso lwaBasebenzi lenze ikhalenda yeentsuku ezili-16 kwaye kukhuthazwa umqeshwa ngamnye ukuba athathe inxaxheba kwizinto eziza kwenziwa ezibhalwe kule khalenda. Siyathemba ukuba ngokwenjenje abaqeshwa baya kwazi ngakumbi ngenkxwaleko yabafazi nabantwana abaphethwe kabuhlungu elizweni lethu baze benze konke okusemandlelni abo ukukhusela amalungelo abo bangenakuzikhusela.
4. Okuqhotyoshelwe kule ngcaciso emfutshane yikhalenda yeeNtsuku ezili-16 zePhulo leNkcaso kwiMpatho-mbi.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:19

Calendar  (ubukhulu: 90 KB)