1. I-Cape Teaching Institute (CTI) iya kuqhuba iikhosi, njengoko ziboniswe kwiziHlomelo A, B, C no-D, zootitshala nabaphathi bezikolo (school managers) ngethuba lokuqhubeka kweekota zesikolo ngo-2007.
2. Ootitshala abanomdla wokuza kwezi khosi bacetyiswa ukuba babhalise ngokudlula kuqala kumagosa e-EMDC, njengoko kubonisiwe kwisiHlomelo E.
3. Ikhosi enye iyaphinda-phindwa amaxesha ngamaxesha ukwenzela ukuba ootitshala bezikolo ezahlukeneyo abantanganye bakwazi ukuza.
4. Kuphela ngootitshala abangamashumi amahlanu anesithandathu abanokubhaliswa ngekhosi nganye. Aba titshala baya kuthathwa kuzo zosixhenxe ii-EMDC zeli phondo. Oku kuthethe ukuba linani elincinane lootitshala elinako ukuza ekhosini ngexesha ngalinye.
5. Iikhosi zeeveki ezintathu okanye ezine zahlulwe phakathi zaziibloko ezimbini ukwenzela ukunika ithuba ootitshala lokubuyela ezikolweni zabo baphumeze oko bebeqeqeshwa kuko.
5.1 Iikhosi yeeveki ezintathu ineebloko ezimbini, ibloko yokuqala yeeveki ezimbini nebloko yesibini yeveki enye.
5.2 Iikhosi yeeveki ezine ineebloko ezimbini, ezibude buziiveki ezimbini ibloko nganye.
6. Kufuneka utitshala aye kuzo zombini iibloko, eyokuqala neyesibini, zekhosi enye ukwenzela ukugqiba yonke ikhosi ngokupheleleyo: umz. Ukuba utitshala ukhetha ukuya kule khosi yesi-3, iFoundation Phase Numeracy, loo titshala makaye kwibloko yokuqala yale khosi eqala nge-14 Meyi kuye kwi-25 Meyi 2006 aze abuye aze kugqibezela ikhosi ngokuza kwibloko yesibini eqala nge-27 Agasti kuye kwi-7 Septemba 2006.
7. Akuyi kuvunyelwa ukutshintshanisa (swapping) iibloko zeekhosi ezahlukileyo.
8. Ngako oko ke ootitshala mabakhethe iikhosi eziya kuqhubeka ngexesha befumaneka ngalo ukuba baye kwikhosi yonke ngokupheleleyo.
9. Amagama atyunjwe ngamagosa ee-EMDC abo baza kuya ezikhosini eziqhubeka ngethuba lekota yokuqala ka-2007 kufuneka afike eCape Teaching Institute ngaphambi kwe-20 Novemba 2006 ukulungiselela ukuba kuqhutywe inkqubo yokubhalisela ikota 1 ka-2007 ngaphandle kwamagingi-gingxi.
10. Ukufumana ingcaciso engaphezulu musa ukuthandabuza qhagamshelana noNobantu Pasiya apha 021 900 5022 okanye ngale dilesi ye-imeyili: npasiya@pgwc.gov.za..
11. Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:17

Isihlomelo A  (ubukhulu: 11 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 12 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 12 KB)
Isihlomelo D  (ubukhulu: 12 KB)
Isihlomelo E  (ubukhulu: 11 KB)