1. Abasebenzi benkonzo karhulumente bayacelwa ukuba bafake izicelo zeebhasari zokufunda ngokungesosigxina kunyaka wokufunda ka-2007, phantsi kwale miqathango ilandelayo:
  • Abenzi-sicelo mababe ngabasebenzi abaqeshwe ngokoMthetho wezeNkonzo kaRhulumente (Umthetho 103 ka1994) kwaye babe kwinkonzo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni.

  • Mababe ngabazimisele ukufunda okanye ngabaza kufunda ngokungesosigxina ku-2007.

  • Kuphela ngamagosa aqeshwe ngokusisigxina aya kuqwalaselwa.

  • Mababe bayazifezekisa iimfuno zokwamkelwa kumaziko emfundo achaphazelekayo.

  • Mababe ngabangakhange bafumane ibhasari karhulumente okanye enye ibhasari.

  • Mababe ngabemi baseMzantsi Afrika.

2. Bonke abenzi-sicelo baya kuvavanywa ngezi khrayitheriya zilandelayo:
  • Ukufaneleka kwenkalo yesifundo ekujongwe ukuba ifundwe ngokunxulumene neemfuno zesicwangciso sezemfundo seSebe leMfundo leNtshona Koloni sangoku nesexesha elizayo

  • Imfuno yecandelo elichaphazelekayo kwizakhono ezithile okanye ezinqabileyo

  • Ubulungisa kwezeNgqesho (uhlanga, ezesini, ukhubazeko)

  • Imimandla yasemaphandleni xa ithelekiswa neyasezidolophini

  • Ukufaneleka ncam kwezifundo kwinkcazo yomsebenzi othile (specific job description)

  • Ukufaneleka ncam kuphuhliso

  • Amanye amabanga emfundo

  • Amanqanaba omvuzo

  • Imfundo yasemva kwesidanga sokuqala xa ithelekiswa neyabangekabi nazidanga

  • Iingcebiso zesuphavayiza, nekufuneka ziqhotyoshelwe kwifom yokwenza isicelo

  • Ukubakho kwezimali

  • Imiqathango yoMthetho woBulungisa kwezeNgqesho (Employment Equity Act (55/1998))(55/1998), uMthetho woPhuhliso lweZakhono (Skills Development Act) (97/1998) neminye imithetho echaphazelekayo neengcebiso zesuphavayiza (kwifom yesiHlomelo A) kumaxwebhu omgaqo-nkqubo.

3. Isicelo ngasinye sebhasari masibe nala maxwebhu alandelayo:
  • Ifom ezalisiweyo yeBhasari yokuFunda (ziikopi zefom eqhotyoshelweyo emazisetyenziswe).

  • Iindleko zokufunda eziqikelelweyo ezibhalwe phantsi (iifizi zokubhalisa, iifizi zezifundo nezinye iinkcitho ezinxulumene nokufunda) ukulungiselela unyaka wokufunda ka-2007. Le ngcaciso iyafumaneka kumaziko emfundo aphakamileyo.

  • Ingcebiso zesuphavayiza kwikopi yefom yesiHlomelo A eqhotyoshelweyo

4. Izicelo mazingeniswe kule dilesi ilandelayo engagqithanga uLwesihlanu we- 15 Septemba 2006:
Head: Education
(For attention:Mr AM Shasha) 
Directorate
Human Resource Development
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
5. Izicelo zingafakwa ebhokisini yeposi ebhalwe “Public Service Staff” kwifoya kwaNdlunkulu eGrand Central Towers, eLower Parliament Street, eKapa.
6. Akukho zicelo zifike kade, zingazaliswanga ngokupheleleyo okanye zingafundekiyo ziya kwamkelwa.
7. IKomiti yeBhasari iya kuthathela ingqalelo ize ihlele ngokubaluleke, zonke izicelo, ize inike iingcebiso malunga nokukhutshwa kwezi bhasari. Ulwabiwo lweebhasari aluyi kuba ngaphezu kwentlawulo epheleleyo yeefizi zokubhalisa nezezifundo (registration and tuition fees), kodwa oku akuthethi kuthi ziya kuhlawula zonke ezi fizi. Inani lezicelo ezifunyenweyo nemali efumanekayo zizo eziya kumisela inani leebhasari ezikhutshwayo.
8. ABaphathi abaKhulu beSebe iWCED baya kunika imvume yokugqibela malunga nenani leebhasari eziya kukhutshwa.
9. Umenzi-sicelo ngamnye uya kulindeleka ukuba angene kwimvumelwano esemthethweni neSebe iWCED yokwenza inkonzo kunyaka ngamnye afumene ngawo ibhasari kwakunye nokuthobela eminye imimiselo ecaciswe kwimvumelwano.
10. Kucelwa ukhawuleze uqhagamshelane nomntu ogama lakhe linikwe apha ngesentla kule ngcaciso imfutshane ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu malunga nesi sikim sebhasari.
11. Kucelwa uqinisekise ukuba bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho, banolwazi ngokuqulethwe ungathandabuzi yile ngcaciso imfutshane.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:11

Application form  (ubukhulu: KB)
Isihlomelo A  (ubukhulu: KB)