1. Oku kuqhotyoshelweyo yikhweshine yokwenza uluhlu lwabantu abaphila nokhubazeko eyenzelwe ikakhulu ukufumanisa ukuba bangaphi na abasebenzi beSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) abaphila nokhubazeko.
2. Injongo yoku ayikokucalu-calula abantu abaphila nokhubazeko, koko kukufumana kanye iintlobo zokhubazeko abasebenzi abaphila nalo khon’ ukuze kwaziwe ukuba ngaba kwenziwe amalungiselelo afanelekileyo kusini na kwiindawo ekusetyenzwa kuzo ukulungiselela abo basebenzi ukuba benze imisebenzi yabo ngokugqibeleleyo.
3. Injongo kukuba kuphuhliswe kwaye kuxhotyiswe kwakhona abasebenzi ngezakhono eziyimfuneko nangolwazi ukwenzela ukuba babe nako ukwenza igalelo elibonakalayo kwinkqubo yokwenziwa kwezigqibo, kwakhona injongo yoku kukwenza ukhubazeko lube yimeko eqhelekileyo kwiinkqubo zokusebenza kweSebe iWCED.
4. Bayacelwa abasebenzi ukuba bafake ikhweshine yabo ezaliswe ngokupheleleyo emvulophini baze bayitywine ukuqinisekisa ukuba igcinwa iyimfihlo enkulu.
5. Iikhwesine ziya kungeniswa ingagqithanga i-15 Agasti 2006
5.1 Bonke abasebenzi bakwaNdlunkulu bayacelwa ukuba bangenise iikhweshine zabo kwa-Room 8-74, kwisakhiwo iGrand Central.
5.2 Abasebenzi abakwii-EMDC nakumaziko emfundo bacelwa ukuba bazingenise ezabo iikhweshine kwaba bantu balandelayo:
  • EMDC Central Mnu Anthony Pietersen 021 659 4300

  • EMDC South Mnu Joseph Moses 021 370 2000

  • EMDC North Mnu Francois Feres 021 938 3000

  • EMDC East Nksz Joyce West 021 900 7000

  • EMDC West Coast & Winelands Mnu Jannie Beukes 021 860 1200

  • EMDC Breede River & Overberg Mnu DP Robertson 023 348 4600

  • EMDC South Cape & Karoo Mnu Tallie 044 803 8300

6. Yonke imbalelwano malunga nalo mba mayithunyelwe kulo:
The Head
Western Cape Education Department
For attention: Ms N Majeke (Rm 8-74)
Directorate: Human Resource Development
Private Bag X9114
Cape Town
8000
Ifoni 021 467 2437 okanye ifeksi 021 467 2694
7. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-E.D. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:21

isiHlomelo A  (ubukhulu: 33 KB)