1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyazingca ngokuba libe yinxalenye yaMabhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala athathela ingqalelo ukutshatshela kwezemfundo.
2. Izikhokelo zokutyumba neefom zokutyumba sele zithunyelwe kuwo onke amaziko eSebe iWCED, kwakunye nakumaziko e-ABET nawe-ECD. Ukuba isikolo sakho okanye iziko lakho alikawafumani la maxwebhu, uyacelwa ukuba uwafune kubaququzeleli be-EMDC (abadweliswe apha ngezantsi) okanye kwaNdlunkulu. La maxwebhu asengafumanekayo ngokukhutshelwa ngekhompyutha kwiziko lewebhu leCandelo loPhuhliso lwaBasebenzi kule dilesi: http://www.hrd.wcape.school.za
3. Uyacelwa ukuba uqwalasele ezi zicatshulwa zilandelayo kwisikhokelo sokutyumba:

“The principal/centre manager must organise a nomination meeting that would include the School Governing Body (SGB)/Centre Governing Body (CGB) to discuss the nomination process.”

“The staff and the SGB/CGB members of the school/centre must study the criteria requirements of each category and draw up attributes or qualities that would match their nominees with a particular given criteria.”

“Once suitable teachers/teams have been nominated, their names must be filled in on the Nomination Forms provided.”

4. Elo qela likhethiweyo malingabi nootitshala abangaphezu kwesihlanu.
5. Kunyanzelekile ukuba iinqununu nabaphathi bamaziko babambe iintlanganiso zokutyumba kwiveki yokuqala yekota yesithathu, ungagqithanga owe-21 Julayi 2006. Makugcinwe imizuzu yale ntlanganiso.
6. Iinqununu nabaphathi bamaziko mabazalise isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo baze basingenise kumphathi wesekethe, ukuze siqwalaselwe ngumququzeleli we-EMDC ochaphazelekayo.
7. Iifom zokutyumba mazingeniswe kwii-EMDC ukuze ziqwalaselwe ngumququzeleli we-EMDC ochaphazelekayo.
South Cape & Karoo:      Dr Fernholdt Galant           028 713 2928
Breede River & Overberg: Johan van Tonder              028 414 1321
West Coast & Winelands:  JA Mouton & 
                         Dr Michael le Cordeur         022 482 1383
Metropole South:         Karen Dudley & Dryfus Jonas   021 370 2000
Metropole East:          Philip Saunders & Nelson Mama 021 903 1729
Metropole North:         Trevor Adams & Spencer Tonkin 021 938 3000
Metropole Central:       Alton Koense                  021 659 4375
8. Uyakhunjuzwa ngamahlelo ala mabhaso acaciswe kwisikhokelo sokutyumba:
UKUTSHATSHELA KUPHUHLISO LWEMFUNDO YABANTWANA ABANCINCI
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASEPRAYIMARI
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI KWIZIKOLO ZASESEKONDARI
UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWINQANABA LASEPRAYIMARI
UKUTSHATSHELA KUBUNKOKELI KWINQANABA LASESEKONDARI
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI ABEMFUNDO ENEEMFUNO EZIZODWA
UKUTSHATSHELA EKUFUNDISENI ABEMFUNDO NOQEQESHO LWABADALA 
IBHASO LOKUPHUMELELA KWIMFUNDO YEXESHA LONKE LOKUPHILA
9. Ibhaso lemali elifunyenwe zizikolo okanye ngamaziko malisetyenziselwe ukuphuhlisa ootitshala ngenjongo yokuphucula umgangatho wokufundisa.
10. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule ngcaciso emfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-E.D. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:10

isiHlomelo A  (ubukhulu: 46 KB)