1. ISebe leMfundo eNtshona Koloni licela zonke iinqununu, iikomiti zolawulo zezikolo, amabhunga olawulo ezikolo, ootitshala, abazali nabafundi ukuba batyumbe ootitshala abasenkonzweni nabasele besidla umhlala-phantsi kwiindawo abakuzo ukuba bangenele amaBhaso oNyaka ka-Aggrey Klaaste okuWonga uTitshala oGqwesileyo kwiMathematika, iSayensi neThekhinoloji.
2. Abaxhasi ngezimali abaphambili bala mabhaso okutshatshela ekufundiseni ezi zifundo zibaluleke kangaka ngu-Telkom Fondation ne-The Sowetan.
3. Kucelwa niqaphele le ngcaciso ibalulekileyo ilandelayo emalunga nokutyumba ootitshala:
3.1 Ifom yokutyumba ifakwe apha kule ngcaciso imfutshane. Iifotokopi zale fom yokutyumba ziya kwamkeleka nazo.
3.2 Kucelwa ukuba kutyunjwe ootitshala abakula mahlelo alandelayo:
(i) Utitshala osenkonzweni: Isigaba seFET (AmaBakala 10 -12)
(ii) Utitshala osenkonzweni: Isigaba seGET (AmaBakala 4 - 9)
(iii) Utitshala odla umhlala-phantsi
3.3 Kucelwa niqinisekise ukuba ifom yokutyumba izaliswe ngokuchanekileyo nangokupheleleyo.
3.4 Abatyumbi mabasebenzise iikhrayitheriya zokutyumba ezikwifom yokutyumba ukuvavanya ukuba ngaba umtyunjwa ukulungele kusini na okanye unazo kusini iimpawu eziyimfuneko zokuba atyunjelwe eli bhaso.
3.5 Iphothifoliyo yomtyunjwa ingangeniswa negama lomtyunjwa, kodwa oku akuyomfuneko enokusetyenziswa xa kugwetywayo yi-EMDC. Nangona kunjalo, lowo ogqwesileyo waza wafumana ibhaso le-EMDC noya kuqwalaselelwa ibhaso lephondo, uya kulindeleka ukuba alungise iphothifoliyo.
3.6 Iifom ezizaliswe ngokupheleleyo mazithunyelwe kumcebisi ngezekharityhulam oyintloko kwi-EMDC yakho, zibhalwe ngokucacileyo oku “For the attention: Chief Curriculum Adviser - Maths, Science and Technology Educator of the Year Awards 2006”. Umhla wokuvala ukungeniswa kwamagama abatyunjwa yi-25 Agasti 2006.
4. Abazuze amabhaso ephondo kumahlelo amathathu baya kuqwalaselelwa amabhaso kazwelonke, naya kunikezelwa eRhawutini nge-25 Matshi 2007.
5. Nceda ufunde ngemva kwifom yokutyumba inkcazo ngamabhaso aya kunikezelwa kwinqanaba lephondo nakwinqanaba likazwelonke.
6. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, qhagamshelana noMcebisi ngezeKharityhulam kwimathematika nesayensi kwi-EMDC yakho okanye nomQuququzeleli wePhondo uGavin de Bruyn kule nombolo: 021 467 2575 okanye ngale dilesi ye-imeyili gdebruyn@pgwc.gov.za
7. Siya kuluthakazelela uncedo lwakho lokuthathela ingqalelo imigudu yootitshala abatshatsheleyo.


ISAYINWE: NGU-E. KIRSTEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:10