1. Kwenziwe amalungiselelo okuba kufumaneke kuzo zonke izikolo isibonelelo seGranti ye-HIV/AIDS eKhutshwa Phantsi kweMiqathango ukulungiselela ezi zincedisi zokufunda nokufundisa (LTSM) kwizakhono ze-HIV/AIDS nezeSini zilandelayo:
  • KumaBakala 1 - 7 IsiKhokelo sikaTitshala (sebakala ngalinye)

  • KumaBakala 1 - 7 IiNcwadi zaBafundi zemiSebenzi (zebakala ngalinye, enye kumfundi ngamnye)

  • KumaBakala 1 - 7 INcwadi yokuSetyenziswa ngooTitshala

  • KumaBakala 8 & 9 IsiKhokelo sikaTitshala (sebakala ngalinye)

  • KumaBakala 8 & 9 IiNcwadi zaBafundi zemiSebenzi (zebakala ngalinye, enye kumfundi ngamnye)

  • KumaBakala 10 & 11 ISikhokelo sikaTitshala (esihamba kunye nevidiyo ne-CD ROM)

  • KumaBakala 10 & 11 IiNcwadi zaBafundi zemiSebenzi ("Today's Choices" - Life Orientation) Isiphumo sokufunda 1) - ibe nye kumfundi ngamnye eyenzelwe amabakala omabini

2. Ezi ncwadi mazithathwe njengeencwadi zokongezelela ukuncedisa iincwadi zezifundo zoLwazi ngezoBomi ezisetyenziswa ngootitshala eklasini.
3. Ziyacelwa kwakhona iinqununu zezikolo nabaququzeleli bezikolo bothintelo lwe-HIV/AIDS ukuba bazalise le fom eqhotyoshelweyo yerikhwizishini ye-LTSM efunwa sisikolo ukulungiselela u-2007. Le fom A ezaliswe zonke iinkcukacha mayifekselwe apha Distribution Centre (For attention: Tania Wragg kule nombolo yefeksi 021 477 6719. ( Jonga isiHlomelo A: REQUISITION FORM: A )
4. Ukuba iinqununu nabaququzeleli bezikolo bothintelo lwe-HIV/AIDS abanqweneli kusebenzisa naziphi na kwezi ncwadi, nceda uzalise iFom B uyifeksele kuTania Wragg kule nombolo yefeksi 021 477 6719 ( Jonga isiHlomelo B: NIL RETURN FORM B )
5. Ukuba isikolo sakho siye saneencwadi ezaneleyo ngokokude zisalele nongasazifuniyo yaye ungasanqweneli kuzibuyisela kwi-Distribution Centre, kucelwa uzalise iFom C uyifeksele kuTania Wragg kule nombolo yefeksi 021 477 6719. Ukuya kuthathwa kweencwadi ezo esikolweni kuya kulungiselelwa ngentsebenziswano nomququzeleli wothintelo lwe-HIV/AIDS kwi-EMDC yakho. ( Jonga isiHlomelo C: LTSM RETURN Form: C )
6. Niyabongozwa ukuba nitshekishe istokhwe (iincwadi zabafundi, njl. njl.) phambi kokuba nenze naziphi na ii-odolo zango-2007.
7. Ukufumana uncedo olungaphezulu, kucelwa uqhagamshelane naba baququzeleli bezithili balandelayo bothintelo lwe-HIV/AIDS kwii-EMDC:
Metropole Central       Lynne Herrmann  021 659 4300
Metropole South         Valerie Jordaan 021 370 2072
Metropole North         Labeqa Abrahams 021 938 3065
Metropole East          Esmé Kleinveldt 021 900 7024
West Coast & Winelands  Janine Kearns   021 860 1200
Breede River & Overberg Alister Adonis  023 348 4687
South Cape & Karoo      Lionel Pedro    044 874 3130
8. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:10:16

Isihlomelo A  (ubukhulu: 11 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 13 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 12 KB)