1. Ziyakhuthazwa kwakhona izikolo ukuba zenze iiprogram kwaye ziququzelele iziganeko zokuba kuqatshelwe ngakumbi i-HIV ne-AIDS ngenyanga kaSeptemba.
2. Ukubaluleka kokukhuthazwa kwemikhwa yokuzigcina ukwentle impilo ngokumalunga nezesini (sexuality) nokudala izikolo nabahlali abanenkathalo ngakwabo bosulelweyo nabachatshazelwe yiHIV/AIDS kuye kwagxininiswa nguMphathiswa weMfundo wePhondo, uCameron Dugmore, kunye neNkulumbuso uRasool.
3. Izikolo, ootitshala nabafundi bayakhuthazwa ke ngoko ukuba bagxininise kwiiprogram ze-HIV/AIDS ngexesha lenyanga kaSeptemba nokuba benze iiprogram neziganeko ezikhokelela kuSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele nge-1 Disemba. Uthi uMxholo woSuku lwe-AIDS kwiHlabathi Jikelele "Nqanda i-AIDS. Gcina isithembiso" ("Stop AIDS. Keep the promise".)
4. Izikolo namahlakani azo kubahlali (abazali, imibutho yabahlali neyezenkolo noomasipala) kufuneka
  • zenze kuqatshelwe ngakumbi ukwanda ngamandla kwe-HIV/AIDS neminye imiba enxulumene noku kwiindawo abahlala kuzo, nokunika ingcaciso echanekileyo yokuncedisa ekuthinteleni ukunwenwa kwentsholongwane nokuthomalalisa amandla ayo.

  • zinike ithuba kootitshala nakubafundi lokuphuhlisa izakhono zokusebenzisana nabanye abantu, zakhono ezo ezifunekayo ukujongana ne-HIV/AIDS - ezinjengonxibelelwano, ukwenza izigqibo, ukwazi ukumela ilungelo lakho (assertiveness) nobunkokeli koontanga bakho (peer leadership).

  • zilungise ucalucalulo zidale umoya wenkathalo nonika inkxaso kubo bonke esikolweni.

  • zikhuthaze iingcinga (attitudes), iimfundiso ezisisiseko sentlalo (values) neendlela zokuziphatha ezifunekayo kubafundi, kootitshala nakubazali, kwaye zithethe ngemiba enjengeekhondom, i-VCT, ARV, nezinye iintlobo zonyango, ukukhankanya nje ezimbalwa.

  • zibhale amanyathelo okuza kwenziwa (plan of action) ukulawula i-HIV/AIDS ezikolweni.

5. Izikolo zinokufikelela kwezi njongo ngokwenza iiprogram ezizicinge ngokwazo (creative programmes)(Funda uluhlu olungezantsi lwabafundi, abazali nootitshala. Ezi program mazingapheleli kwimisebenzi esekelwe kwikharityhulam, koko mazinatyiselwe nakwizinto ezenziwa ngexesha lasemva kweeyure zokufundisa (extra-curricular activities).
6. Ezinye zezinto ezinokuthi zenziwe zizikolo zibandakanya oku kulandelayo:
  • ukwenziwa kweengoma nemidlalo yeqonga

  • Ukhuphiswano lweephowusta

  • Imiboniso yeephowusta kumaziko eevenkile akufutshane

  • Izithethi ezinika inkuthazo ezisuka kwi-EMDC, kwiiklinikhi zempilo ezikufutshane, kwii-NGO njl.njl.

  • Ukubonisa kwifoya amanyathelo okuza kwenziwa sisikolo ukuhlangabezana ne-HIV/AIDS

  • Unxibelelwano neenkonzo zenkxaso nezibonelelo kubahlali abangqonge isikolo

  • Ukuqhuba isaveyi yoluntu ukuqaphela iingcinga (attitudes) zolutsha ngokumalunga ne-HIV/AIDS, nokukhulelwa kolutsha, iziyobisi njl.njl.

  • Ukukhuthaza iindlela zokuphila ezinika ithemba

  • Ukwenza ikhwiliti

  • Ukwenza iiphazili

  • Oomasifundisane bokuphuhlisa abazali

  • Iiprojekthi zokuya kumakhaya nakumaziko abantu abaphila ne-AIDS

7. Aba balandelayo ngabantu abangabaququzeleli be-HIV ne-AIDS kwii-EMDC ongaqhagamshelana nabo:
Metropole Central       Lynne Herrmann  021 659 4300
Metropole South         Valery Jordaan  021 370 2072
Metropole North         Labeqa Abrahams 021 938 3065
Metropole East          Esmé Kleinveldt 021 900 7024
West Coast & Winelands  Janine Kearns   021 860 1200
Breede River & Overberg Alister Adonis  023 348 4687
South Cape & Karoo      Lionel Pedro    044 874 3130
8. Kuya kuthakazelelwa kakhulu ukuthatha inxaxheba kwenu ngenkuthalo kwiiprogram zale Nyanga ye-Aids ezikolweni.


ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:23