1. Apha kuqhotyoshelwe ikhalenda yokukhuthaza impilo entle yeenyanga, iiveki neentsuku equlunqwe liZiko lokuKhuthaza iMpilo (Health Promotion Unit) leeNkonzo zezeMpilo zeSixeko (Metro District Services). Ninikwe apha ngasezantsi isishwankathelo sale khalenda.
2. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zikhethe kwaye zizithathele ingqalelo ngokuthi zizibeke phambili ezinye zezi ziganeko zibalulekileyo zokuqatshelwa nokukhuthaza impilo entle, nokuba zicwangcise imisebenzi enxulumene neeprogram zezi nkalo zezifundo, iZifundo ngezoBomi, iiSayensi zeNdalo okanye ezoBugcisa neNkcubeko, kunye/okanye izinto ezenziwa ngeeyure zasemva kokufundisa kunye nabahlali (extra-curricular community-based activities).
3.
29 Januwari       uSuku lwaBagula liQhenqa kwiHlabathi liphela
Februwari 	  iNyanga yokuQatshelwa kweZifo zoTyatyazo
4 Februwari	  uSuku loKwazisa ngoMhlaza lwaMazwe ngaMazwe
12 - 26 Februwari iVeki yokuFundisa ngezokuKhulelwa
20 - 24 Februwari iVeki yokuThintelwa kokuZibulala koLutsha
                  oluFikisayo
Matshi            iNyanga yokuQatshelwa kokuKhubazeka ngeNgqondo
13 - 19 Matshi    iVeki yoKwazisa ngokuSebenza kweNgqondo
24 Matshi         uSuku lweSifo sePhepha kwiHlabathi liphela
2 - 8 Apreli      iVeki yokuQatshelwa kokuPheliswa kwePoliyo
7 Apreli          uSuku lwezeMpilo kwiHlabathi liphela
17 Apreli         uSuku lweHemofiliya kwiHlabathi liphela
Meyi              iNyanga yokuQatshelwa kweSistikhi Fayibrosisi
                  iNyanga yokuChasa ukuSetyenziswa kweCuba
2 Meyi            uSuku lokuQatshelwa koMbefu kwiHlabathi liphela
31 Meyi           uSuku lokuthi Phantsi ngeCuba kwiHlabathi liphela
30 Meyi - 4 Juni  iVeki yoKhuseleko lwaBantwana
Juni	          iNyanga yoKhuseleko lwaBantwana 
1 Juni            uSuku lwaBantwana lwaMazwe ngaMazwe
19 – 25 Juni      iVeki yoKwazisa ngeSifo soKuwa kwiZwelonke
26 Juni           uSuku loKwazisa ngoSetyenziso gwenxa lweZiyobisi 
                  lwaMazwe ngaMazwe
26 Juni–1 Julayi  iVeki yokwazisa ngoSetyenziso Gwenxa 
                  koTywala neZiyobisi 
Julayi            iNyanga yokuQatshelwa kokuKhubazeka ngokwase-
                  Ngqondweni (ukugula ngengqondo)  
Agasti            iNyanga yoCoceko loMlomo
6 – 12 Agasti     iVeki yokuQatshelwa kokuGonyelwa iZifo 
                  kwiZwelonke
21 – 25 Agasti    iVeki yokuKhuthazwa kwezeMpilo eZikolweni 
28 Agasti-3 Sept  iVeki yokuQatshelwa kwaBagogeke aMalungu oMzimba
Septemba          iNyanga yokuQatshelwa kweSifo seNtliziyo 
                  iNyanga yoKwazisa nge-AIDS ezikolweni
1 Septemba        uSuku lokuNxiba eziPholileyo (ukuQaphela 
                  aBakhubazeke eMzimbeni)
4 - 10 Septemba   iVeki yokuQatshelwa kwaBazizithulu
9 Septemba        uSuku lokuQatshelwa kweeMveku eziKhubazeke
                  buTywala 
24 - 30 Septemba  iVeki yokwazisa ngeRethina yaMehlo kuMazwe 
                  ngaMazwe
24 Septemba       uSuku loKwazisa ngeSifo seNtliziyo kwiHlabathi
                  liphela
Oktobha           iNyanga yokuQatshelwa kweMpilo yeNgqondo 
9 - 15 Oktobha    iVeki yoKwazisa ngoKutya okuneZondlo 
                  kwiZwelonke
16 Octobha        uSuku loKwazisa ngoKutya kwiHlabathi liphela
9 – 13 Oktobha    iVeki yoKwazisa ngokuKhathalelwa kwaMehlo
16 - 22 Oktobha   iVeki yokuQatshelwa kweNgxaki yokuTyeba kakhulu
16 - 21 Oktobha   iVeki yokuQatshelwa kweDown’s  Syndrome
14 Novemba        uSuku loKwazisa ngeSifo seSwekile kwiHlabathi
                  liphela
19 Novemba        uSuku lokuThintela iMpatho-mbi nokuNgahoywa 
                  waBantwana kwiHlabathi liphela
1 Disemba         uSuku lokuQatshelwa kwe-AIDS kwiHlabathi
                  liphela
3 Disemba         uSuku lokuQatshelwa kwaBantu aBakhubazekileyo 
                  lwaMazwe ngaMazwe
4. Kucelwa wazise bonke ootitshala nabafundi ngale mihla ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-M.J. THERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:11

Department of Health Circular  (ubukhulu: 86 KB)