1. Ziyabulelwa iinqununu, ootitshala, nabo bonke abasebenzi be-e-Innovation, abaphathi beesekethe nabalawuli bee-EMDC nabasebenzi be-EMIS ngokwenza yonke imisebenzi ye-CEMIS ukwenzela ukuba de kufikelelwe kwisigaba sokugqitywa kokufakwa ekhompyutheni le misebenzi ilandelayo, idatha yesaveyi yonyaka, izithuba zengqesho ezabelwe amaziko, ukubhalisela iimviwo nokufakwa kwedatha yomfundi ngamnye yokupasa kwakhe nokudlulela kwakhe kwibakala elilandelayo (promotions and progressions) ngo-2006. Niyabulelwa ngegalelo lenu ekuvelisweni kwe-CEMIS version 2. Ukusetyenziswa kwe-CEMIS ngo-2007 kufuneka kuhambe lula nangaphezulu kwaye kube yimpumelelo njengokuba sele siyiqonda kakuhle imihlaba efikelela kuyo, indlela yokusebenza kwayo neenkqubo zayo.

2. Ukugqitywa kokufakwa ekhompyutheni kwedatha yokupasa kwabafundi ngo-2006
2.1 Uqeqesho lokwazi ukufaka idatha yokupasa kwabafundi ekhompyutheni kwaphethwa ngokwenza uhlenga-hlengiso lokugqibela lweenkqubo zokupasa kwabafundi kwizikolo ezineemfuno zemfundo ezizodwa.
2.2 Ukusebenziseka kwale nkqubo okwenza sibenako ukufaka idatha yokupasa kwabafundi ekhompyutheni kwizikolo ezineemfuno zemfundo ezizodwa, kumabakala angengawo emfundo eqhelekileyo kuvumela umfaki wedatha ukuba akhethe ibakala lomfundi ngo-2007, into ke ethetha ukuba kukwalungiselelwe ukupasa komfundi ngendlela ye-intra-grade progressions.
2.3 Yonke idatha engomfundi nengcaciso yakutshanje yeklasi (class updates) mayenziwe ize itshekishwe igqitywe phambi kokuba kufakwe iinkcukacha zokupasa kwakhe (promotions).
2.4 Inqununu mayinike umphathi wesekethe iishedyuli zesikolo neeshedyuli zokupasa kwabafundi ze-CEMIS (promotions schedules) ezitshekishiweyo zenziwa zangqinelana apho yonke idatha ngabafundi abadlulela kwibakala elilandelayo nabangazi kudlulela kwibakala elilandelayo ingqinelanayo (progressions and non-progressions correspond).
2.5 Iingxelo ngenkqubo yokupasa kwabafundi (reports) ze-CEMIS online promotions nesishwankathelo mazingqinwe ukuba zichanekile yinqununu nangumphathi wesekethe. Isikolo masiyifayilishe ikopi.
2.6 Yonke idatha yokupasa nokudlulela phambili kwabafundi kwibakala elilandelayo (promotions and progressions) mayifakwe kwikhompyutha ukuze umphathi wesekethe ayitshixe kweso sikolo, phambi kokuba kufakwe nabaphi na abafundi abatsha ababhalisele u-2007.
2.7 Naluphi na utshintsho olwenziwa kwidatha yokupasa kwabafundi olubangelwe yinkqubo yezibheno ezenziweyo malunga nokupasa (promotion appeals), malufakwe kwi-CEMIS nguMlawuli we-EMDC. Ukuvulwa (unlocking) kwe-promotions database function kwenziwa nguNdlunkulu.
2.8 Iingxelo ngenkqubo yokupasa kwabafundi (promotions reports) zabaphathi bezithili nabakwaNdlunkulu ziyafumaneka ku-EduInfoSearch.

3. ISatifikethi esiTsha seCEMIS sokuTshintshela kweSinye iSikolo (Transfer Certificate)
3.1 Isatifikethi sokutshintshela kwesinye isikolo asibhalwanga nto kodwa sinazo zonke iimpawu zokhuseleko ezifakwe kuso (built-in security features). Ziza kuthunyelwa ngeposi ezikolweni iifom. Izatifikethi ezidala zisasebenza ngokusemthethweni kwaye mazigcinwe esikolweni.
3.2 Bonke abafundi abatshintshela kwezinye izikolo mabafumane isatifikethi. Masingakhutshwa isatifikethi sokutshintshela kwesinye isikolo kubafundi beBakala 12 abagqibe ukufunda ngo-2006.
3.3 Kucelwa uqinisekise ukuba isikolo sifumana isatifikethi sokutshintshela kwesinye isikolo sentsusa (original transfer certificate) phambi kokuba nawuphi na umfundi obhalwe kwiCEMIS angene esikolweni. Ezi zatifikethi ziyasayinwa zize zifayilishwe seso sikolo simamkelayo.
3.4 Kucelwa ufake bonke abo bakhutshwayo kwisistim. Abafundi abapasa elona bakala liphezulu nakwesiphi na isikolo (ngaphandle kweBakala 12) ekupheleni konyaka baya kukhutshwa kwisistim ngokokuzenzela kweprogram (programmatically). Xa bengaphezu komfundi omnye abafundi bebakala elinye abaphuma ngaxeshanye esikolweni, mabakhutshwe kwisistim BELIQELA (BULK transfer) ukuyenza lula le nkqubo.
3.5 Ukuprintwa kwesafikethi sokutshintshela kwesinye isikolo kwisistim kwenziwa ngokuklikha ku-Transfer/Exit menu kuze kukhethwe u-"Print Forms" kwimenyu engezantsi (submenu). Klikha kuloo nobumba ifani eqala ngaye. Kuya kuvela uluhlu lwamagama. Klikha kwigama lomfundi. Kuza kuvela i-print dialogue screen, esikuvumela ukuba ukhethe u-printer no- change settings. Faka isafikethi sokutshintshela kwesinye isikolo esingabhalwanga nto kwi-printa uze uklikhe ku-"Print" ukuprinta ifom leyo.
3.6 Inqununu mayibhale umhla kwisafikethi sokutshintshela kwesinye isikolo ngexesha lokusayina ifom.
3.7 Icandelo le-Transfer-In/Re-registration kwifom alinakuprintwa kwisistim yeCEMIS. Iinkcukacha zizaliswa ngesandla, kuze kusayinwe ifom ibe sele ifayilishwa.
3.8 Ukungeniswa kwabafundi ababhalisileyo kwisistim (Transfer-in). Bonke abafundi ababhaliswe kwi-CEMIS abatshintsha besuka kwesinye isikolo besiya kwesinye mabafike kwisikolo esibamkelayo benesatifikethi sokutshintshela kwesinye isikolo esikhutshwe sisikolo abavela kuso (sending school). Aba bafundi mabangeniswe kwisikolo esibamkelayo ngokusebenzisa inombolo eyodwa yomfundi (learner's unique number) kuze kusetyenziswe i-ONLINE transfer function kwiCEMIS. Abo bafundi batsha bafikayo kwisikolo esibamkelayo mabangaphazanyiswa nabo baza kubhalisa okokukuqala ngqa (new registration).

4. Ubhaliso okokuqala kwi-CEMIS (New Registrations)
4.1 Abafundi abangena kwisistim okokuqala abangazange babhaliswe kwiCEMIS ngo-2005 nango-2006, umz. abafundi ababengekho kwizikolo zikarhulumente eNtshona Koloni, ngababhalisa okokuqala (new registration). Ikakhulu aba bafundi ngababhalisa okokuqala kwizikolo zikarhulumente kwi-pre-Grade R, Grade R no- Grade 1, okanye abavela kwamanye amaphondo okanye kwizikolo zabucala.
4.2 Iifom zobhaliso okokuqala nazo zazithunyelwe ezikolweni. Ncedani nizizalise ezi fom zize zisayinwe phambi kokuba zifakwe njengobhaliso lokokuqala (new registration).
4.3 Kungenziwa iikopi zale fom.
4.4 Kubaluleke gqitha ukuba kunikwe inombolo yesazisi (national identity number) yomfundi, ukuba ngaba ikho. Kwimeko apho ingekhoyo, umzali okanye umgcini womntwana makanikwe inkxaso ukwenzela ukuba afake isicelo kwiSebe leMicimbi yaseKhaya (Home Affairs) ukuze umfundi abhaliswe ngokukhawuleza.
4.5 Njengangoku, kuveliswa ngomatshini inombolo eyodwa yesalathiso yeCEMIS (unique CEMIS learner reference is generated) kwisistim xa kubhaliswayo. Kuya kusetyenziswa le nombolo ide indawo yayo ithathwe yinombolo yesazisi.
4.6 Kucelwa uqaphele yonke imigqaliselo ecaciswe kule fom ube sele uyenza yonke.
4.7 Kuya kufuneka izikolo zemfundo ephakamileyo zifake bonke abafundi ababhalisa okokuqala ekhompyutheni.
4.8 Izikolo zaseprayimari nezikolo ezidibeneyo (combined schools) ezibhalisa amanani amakhulu abafundi ababhalisa okokuqala ekhompyutheni, ziya kunikwa i-new CEMIS Version 2 OFF-LINE capture tool eya kukhutshwa iyi-CD. Esi sixhobo siya kuyifaka idatha ngokwaso (auto-install) xa iCD ifakwe kwidrayivu ye-CD-ROM.
4.9 Isixhobo sangaphambili sokufaka idatha sika-2006 siphelelwe. I-ayikhoni (icon) endala yeCEMIS ingacinywa kwidesktophu.
4.10 Isixhobo esitsha i-CEMIS version 2 off-line tool, siya kuvumela kuphela ukuba kufakwe ubhaliso okokuqala (new registration) kula maBakala - pre-Grade R, Grade R no- Grade 1.
4.11 Naluphi na ubhaliso okokuqala nakweliphi na iBakala ngaphandle kwala akhankanyiweyo ku-4.10, malwenziwe lo gama isikolo siqhagamshelwe kwiziko ledatha kunxibelelwano lwekhompyutha. Ngexesha lokufakwa kwedatha kutshekishwa ngokukhawuleza ukuqinisekisa ukuba umfundi akasele ekho kusini na kwiziko ledatha.

5. Ukufakwa qho kwedatha yakutshanje yeeklasi
5.1 Le nkqubo yokucacisa iklasi yomfundi ka-2007 ibaluleke kakhulu kuzo zonke iingxelo nezintlu zeeklasi.
5.2 Ngokufaka qho idatha yakutshanje yeeklasi, isikolo singanako ukuqinisekisa ukuba amanani abafundi baso achanekile kwiCEMIS.
5.3 Kucelwa uqinisekise ukuba oku kufaka qho idatha yakutshanje kwenziwa ngokukhawuleza kangangoko kunokwenzeka kwizicwangciso nokulungiswa kweprogram yesikolo, ekukhethwa ukuba kwenziwe ngaphambi okanye ngomhla wokuvulwa kwezikolo.
5.4 Le nkqubo imqaphela ngoko nangoko umfundi ongeyonxalenye yeqela leklasi ize yenze izintlu, iidilesi nezintlu zesini neengxelo ngeenkcukacha zabafundi ezifumaneka kwakugqitywa.
5.5 Ukusebenza kwale nkqubo kuye kwanceda kakhulu ekwenzeni lula umsebenzi wokongeza (adding), ukucima (deleting) nokuthiya kwakhona (renaming) amaqela eklasi.
5.6 Kulula kakhulu ngoku ukubonisa amaqela eeklasi ezininzi (multi-grade class groups).

6. Isaveyi eqhuphayo (Online SNAP) ngo-2007
6.1 Kuya kuqhutywa isaveyi eqhuphayo ngekhompyutha (Online SNAP) ngo-2007.
6.2 Amanani abafundi kwibakala ngalinye nesini sabo aya kuthathwa kwitheyibhile yolawulo, nekufuneka ingqinwe ukuba ichanekile ngosuku lwe-10 lwesikolo (10th school day) emva kosuku abafundi bebuyele esikolweni.
6.3 Makwenziwe amalungiselelo kwasekuqaleni kuka-2007
  • okukhupha kwisistim abafundi abangekabikho esikolweni okanye abathathe izatifikethi zokutshintshela kwezinye izikolo

  • okungenisa kwisistim abafundi bangenayo njengoko befika kunye neefom zabo zokutshintshela kwesinye isikolo

  • okubhalisa ekhompyutheni nabaphi na abafundi ababhalisa okokuqala.

Oku kuya kuqinisekisa ukuba amanani esikolo aboniswa ngokuchanekileyo ngomhla wesaveyi eqhuphayo (SNAP).

6.4 Kuya kukhutshwa itheyibhile yootitshala kwikhompyutha njengetheyibhile yokufaka idatha ngomhla omiselwe ukwenza isaveyi eqhuphayo (SNAP survey).
6.5 Kuya kusetyenziswa inkqubo yokutshekishwa kuze kungqinwe ukuchaneka kwedatha ukungqina ukuba isaveyi yenziwe ngokuchanekileyo kwakunye nethuba lokuba kuqaliswe ukugcinwa kwayo kwikhompyutha (electronic storage).

7. Ukwabiwa kwezifundo
7.1 Izifundo zabafundi abatsha abenza iBakala 10 ngo-2007 mazifakwe kwiCEMIS. Ukusebenzisa indlela yokwabiwa kwezifundo ezininzi ngexesha (bulk subject allocation option) kwenza ibe lula le nkqubo. Into yokuqala ekufuneka yenziwe (prerequisite) kukufakwa kwedatha yakutshanje yeeklasi xa kuza kuqhutywa le nkqubo.
7.2 Abafundi beBakala 11 abatsha ngo-2007 banako (kwiimeko ezininzi) ukuqhubeka ngezifundo zabo zeNCS FET ebezithathwe kwiBakala 10 ngo-2006. Izifundo zabo baphinda iBakala 11 kuya kufuneka zitshintshelwe kwezo zifundo zabo bazikhethileyo zeNCS FET.
7.3 Abafundi beBakala 12 ngo-2007 baya kuba liqela lokugqibela lezifundo zekharityhulam endala kwiimviwo zeMatriki zango-2007.
7.4 Ingxelo yesifundo ngasinye yomfundi yenza ukuba kube lula ukukhetha izifundo ezingafanelekanga kuloo mabakala. Iikhowudi zezifundo zamaBakala 10 no-11 zingamanani asi-8, lo gama izifundo zamaBakala 12 zinekhowudi enamanani ama-5, kwakunye nomahluko ka-HG no-SG. Ngokuklikha apha hyperlinked numbers kwitheyibhile, iye ihle iye kutsho kubafundi abathatha eso sifundo. Sebenzisa le ngxelo ukukhetha izifundo ezineengxaki ezinxulumene nedatha uze uzilungise.
7.5 Kubalulekile ukuba izikolo ziqinisekise ukuba ukwabiwa kwezifundo kwenziwa ngokuchanekileyo, njengoko oku kuya kuchaphazela ukwabelwa kwezikolo izithuba zengqesho ngo-2008 (school's 2008 staff establishment).

8. Iingxelo (reports)
8.1 I-CEMIS ibonisa uthotho lweengxelo ezinika ingcaciso evela kwiziko ledatha kwisistim umz, iingxelo ngobume bomfundi, izifundo, iimeko zokhubazeko njl. njl.
8.2 Xa kuklikhwe ku-blue grade-number kwi-learner control report, kuvela oku summarised learner information for the grade. Ukuba kukhethwa le ngcaciso kwiklasi nganye ize iprintwe, inganikwa utitshala weklasi ngamnye ukuze ayingqine ngethuba lokwenza ulawulo eklasi. Ngale ndlela i-dataset yesikolo siphela ingatshekishwa ize ilungiswe, ukuba kuyimfuneko oko, ngethutyana nje elifutshane.
8.3 Oku kucetyiswa ku-8.2 kuyenza lula inkqubo yokutshekisha kwaye abasebenzi abalawula iCEMIS bangafaka qho i-dataset zakutshanje zezikolo ngempumelelo xa kusetyenziswa le nkqubo ngumntu wonke.
8.4 Iinqununu zingacela nayiphi na ingxelo engaveliswa kwiziko ledatha elikhoyo kwiCEMIS. Kucelwa ufonele apha 0800 204 800 okanye ufeksele isicelo sakhe sengxelo apha (021) 425 7445.

9. Ukulungiswa kwedatha
9.1 Ingcaciso eluncedo evela kwiziko ledatha ixhomekeke kwidatha echanekileyo. Kucelwa usebenzise iingxelo (reports) zengcaciso zomfundi, njengoko kuboniswe ku-8.2 no-8.3, apha ngasentla, ukwenza izilungiso nokungqinisisa idatha yesikolo.
9.2 Iingxelo zokuchaneka kwedatha zesikolo ngasinye ziya kunikwa ngokweprogram (programmatically) kubaphathi beesekethe kwiveki nganye. Ezi ngxelo zolawulo zivavanya inqanaba lokuchaneka kwedatha ngolwimi lokufundisa, uhlobo lomfundi, iimeko zokukhubazeka, ukufakwa kwezinto zeeklasi zakutshanje kunye nezifundo ezenziwa ngabafundi.

10. Isaveyi yonyaka ka-2007
10.1 Le saveyi iya kuqhutywa ngonxibelelwano lwekhompyutha (online) kwaye kufuneka iqhutywe nge-7 Matshi 2007.
10.2 Uninzi lweetheyibhile zabafundi ziya kuveliswa (populated) ngokuthathwa kwidatha yeCEMIS.
10.3 Kuya kufuneka kufakwe ekhompyutheni oku, abasebenzi, iifizi zesikolo, netheyibhile yezakhiwo neziseko zophuhliso (infrastructure).
10.4 Ukungqinwa kokuchaneka kwedatha yesaveyi kuya kwenziwa ekupheleleni kwekota yokuqala ka-2007.

11. Ukubhalisela uviwo
11.1 ICandelo leeMviwo libona iCEMIS njengeziko ledatha elilodwa elingundoqo nelithembekileyo (single central trustworthy data-source) ekufuneka kwenziwe kulo lonke ubhaliso lwabafundi.
11.2 Ubhaliso lwabafundi beBakala 12 kwiimviwo zematriki ngo-2007 luya kusingathwa ngokusebenzisa iCEMIS. Iinqununu maziqinisekise ukuba zonke iinkcukacha zabafundi beBakala 12 zihlaziyiwe zaza zangqinisiswa phambi kokuba kuphele ikota yokuqala.
11.3 Qinisekisa ngokukodwa ukuba zonke iinkcukacha zabafundi zichanekile kwaye izifundo namahlelo ezifundo (subject grades) ayangqinisiswa ukuba ngachanekileyo ngumfundi ngamnye wematriki. Sebenzisa u-'Subjects per Learner' report phantsi kwemenyu engu-'Reports' ukuprinta nokungqinisisa iinkcukacha zobhaliso zomfundi ngamnye.
11.4 Ukuhlaziya okanye ukwenza izilungiso kwiinkcukacha zomfundi zokubhalisela iimviwo kwenziwa phantsi kwe-'Learner base' kule submenu item 'UPDATE Learner'.
11.5 Ukwenziwa kovavanyo nobhaliso lweBakala 8, kwakunye nobhaliso lweBakala 9 ukulungiselela i-FETC, kuya kwenziwa ngokusebenzisa iCEMIS. Iirekhodi zomfundi ezichanekileyo nezihlaziyiweyo zibaluleke kakhulu ekwenzeni olu bhaliso nezi mvavanyo.
11.6 Iziko ledatha leCEMIS likwasetyenziselwa ukubonelela ngeenkcukacha zomfundi kwisikolo ngasinye ukulungiselela iimvavanyo zeWCED Numeracy and Literacy testing zamaBakala 3 no-6.
11.7 ICEMIS iya kuzalisekisa indima ebalulekileyo kakhulu yokubonelela ngedatha phantse kuzo zonke iinkqubo zolawulo kwaye ke ngoko ngenxa yoku iirekhodi zabafundi mazigcinwe kwindawo enye ELIZIKO ELIKHULU LOKUGCINA ZONKE IZINTO (CENTRAL) ukuze ibe nokusetyenziswa njengeziko elinye elingumthombo wengcaciso echanekileyo leenkcukacha zabafundi kwiSebe iWCED. Lo msebenzi kufanele uphelise uphinda-phindo lwezicelo ezivela ezikolweni ezicela ingcaciso efanayo.
11.8 Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba bonke abafundi abasesikolweni njengangoku bayavela kwiCEMIS nokuba nawuphi na umfundi oshiya isikolo uyarekhodwa kwisistim ngokusetyenziswa kwe-CEMIS function efanelekileyo.

12. Ukubalwa kwamanani abafundi

Ukubalwa kwenani labafundi kuya kuqhutywa kwizikolo ezikhethiweyo ngexesha leenyanga ezintandathu zokuqala zika-2007.


13. Umboneleli-nkonzo
13.1 Ithenda evuleleke kumntu wonke yokunika inkxaso ezikolweni ngokusetyenziswa kweCEMIS ikhethwe ngoNovemba 2006.
13.2 Kuqeshwe intlanganisela yamaqumrhu uDeloitte noSAB&T njengabaphumeleleyo nabaza kuba yinxalenye yekomiti ehlangeneyo ye-EMIS yokunika inkxaso yaye baza kunika inkxaso ezikolweni kubhaliso okokuqala, kutshintshelo kwesinye isikolo, ekufakweni kwezinto zakutshanje zeeklasi, nasekwenzeni zigqitywe kwangoko iisaveyi eziyimfuneko.
13.3 Umntu osebenza kwi-EMIS wokunika inkxaso onikwe uxanduva lokujongana nesikolo sakho uya kuqhagamshelana nawe kwasekuqaleni kunyaka ka-2007 ukuze kulungiselelwe iinkqubo zeCEMIS ezicetywayo.
13.4 Inxalenye yale mvumelwano yokunika inkxaso ngumboneleli-nkonzo neya kufuna ukuba ayenzele iSebe leMfundo, kukubalwa kwamanani abafundi kwizikolo ezikhethiweyo. Oku kubalwa kukwathetha ukubalwa kwabafundi ngamnye ngamnye ukungqinisisa amanani aboniswa kwi-CEMIS xa ethelekiswa neerejista ngeerejista esikolweni.

14. Enkosi ngentsebenziswano nenyameko yenu. Ukuqaliswa ngempumelelo kwale nkqubo intsha bekungazi kwenzeka ukuba besingafumana ncedo neengcebiso zenu.

15. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, qhagamshelana nommeli wakho wengingqi weCEMIS okanye neCandelo loPhando lwezeMfundo (Education Research) kule foni 0800 204 800 okanye apha (021) 467 2290.

16. Kucelwa uncede uqinisekise ukuba esi saziso saziswa bonke abasebenzi abachaphazelekayo ekusingathweni kolawulo lweCEMIS kwaye sifikelela kuye wonke umntu.


ISAYINWE: NGU-P.C. PRESENT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:30