1. Ziyabulelwa iinqununu nootitshala abenze igalelo ngokufaka idatha yabafundi kwiziko ledatha (database) ukwenza inkqubo yekhompyutha i-online ne-offline promotions nangokuphumeza ezi nkqubo transfer-out procedures. Siyathemba ukuba siya kubanako ukuthembela kuncedo lwenu ekuqhubeleni phambili nokuphumeza inkqubo yeCEMIS.
2. Apha ku-2006, iCEMIS kufanele isivumele ukuba silungise (edit) ingcaciso ngabafundi abakhoyo, singenise (transfer-in) abafundi ababhalisileyo, sibhalise abafundi abatsha (register new learners) abavela ngaphandle kwiCEMIS, sitshintshe abafundi (transfer) ukusuka kwesinye isikolo ukuya kwesinye yaye silungise iinkcukacha zophando oluquphayo nophando olwenziwa qho ngonyaka kwikhompyutha (snap and annual survey details online). Izikolo mazibe nento eziyizuzayo kuninzi lweengxelo ezenziweyo nezo zivela ngaphandle (imports) ezifumanekayo ezikolweni okanye de zinike iingcebiso ngeengxelo eziza kwenziwa.

3. Ingxelo ngenkqubo yokupasa kwabafundi (promotions) nemingeni eziziphumo zoko

Uninzi lwezikolo lwakwazi ukuzenza ezi nkqubo ngempumelelo. Nakuba kunjalo, iikopi zeshedyuli zee-promotions zathathwa kuzo zonke izikolo ukulungiselela injongo yokuba zingqinisiswe, kwaza emva kokugqitywa kwenkqubo ye-promotion ne-progression, umboneleli-nkonzo wenza ucalulo lwedatha efunyenwe ezikolweni wayithelekisa neeshedyuli ze-promotions. Ngethuba lale nkqubo kwaye kwacaca ukuba kukho ukungangqinelani okukhulu phakathi kwe-database yeCEMIS nengcaciso ekwiishedyuli. Ngako oko ke umboneli-nkonzo uye wafaka uninzi lweeshedyuli kwikhompyutha waza wathelekisa ezi ntlobo zimbini zedatha ukuvelisa ingxelo eyahlukileyo yesikolo ngasinye (exception reports per school) neya kufekselwa kuwe. Ezi ngxelo zahlukileyo ziya kubonisa oku kulandelayo:

  • Abafundi kwiishedyuli ze-promotion, kodwa kungabi kwi-database (ezi fom Need census forms)

  • Abafundi kwi-database, kodwa kungabi kwiishedyuli (Abo bayeke isikolo (Dropouts))

  • Umahluko kumhla wokuzalwa (Date of birth differences)

  • Umahluko kwisini (Gender differences)

3.1 Izilungiso

I-CEMIS mayisekelwe kwidatha echanekileyo. Ngako oko ke iimpazamo mazilungiswe kuze kusayinwe kwezo ndawo. Ziyacelwa izikolo ukuba zitshekishe iingxelo zize ziqinisekise ukuba ingcaciso ichanekile.

3.1.1 Apho kuyimfuneko, isikolo masincede sifumane iifom zobalo-bafundi ezifunekayo (census forms) zize zizigqithisele ezi fom kumboneleli-nkonzo ingagqithanga i-25 Januwari 2006.
3.1.2 Siyacelwa isikolo ukuba sitshekishe size silungise le ngcaciso ilandelayo ekhompyutheni (online) size sinike umboneleli-nkonzo laa ngxelo yahlukileyo seyilungiswe iziphene (corrected exception report):
(a) abafundi abasiyekileyo isikolo (dropped out)
(b) isini esichanekileyo (correct gender) somfundi
(c) umhla wokuzalwa ochanekileyo
(d) ixabiso (value) elichanekileyo
3.2 Iifom ezingabuyiswanga (outstanding forms)

Ngethuba lale nkqubo ekupheleni konyaka odlulileyo, izikolo zacelwa ukuba zizalise iifom ezazihanjiswa liziko i-Centre for E-Innovation (CE-I). Uninzi lwezi fom alukabuyiswa. Ukuba ifom yesikolo ayizange ibuyiswe, umboneleli-nkonzo uya kuqhagamshelana nesikolo eso acele ukuba izaliswe ize ibuyiselwe kuthi.


4. Ubhaliso olutsha

Ukuze ukwazi ukusebenzisa esi sixhobo sokubhalisa CEMIS offline tool, uya kufuna le pasiwedi (password) ilandelayo: c3m!s


4.1 Ukufaka idatha (Capturing)

Izikolo ziya kucelwa ukuba zizalise iifom ezazinikwayo, iifom zobhaliso ezintsha (new registration forms). Ezi fom kufuneka zifakwe ekhompyutheni kusetyenziswa esi sixhobo CEMIS offline tool nesisebenzisa le nkqubo inye njengoko ibisetyenziswa xa bekufakwa ingcaciso ngomfundi ekhompyutheni kunyaka ophelileyo. Umboneleli-nkonzo kwakhona ubonelele ngesixhobo sokwenza izilungiso kwidatha (editing tool) ukuba ufuna ukwenza naluphi na utshintsho kwidatha phambi kokuba uyifake njengedatha onokuyisebenzisa kwikhompyutha (uploading). Zisengenziwa izilungiso ekhompyutheni (edit online) yakuba nje ifakiwe idatha kuyo.


4.2 Ukufaka ekhompyutheni ifayili yomfundi (Uploading learner file)

Isikolo masilogishe ekhompyutheni kwiziko lewebhu leCEMIS (log on to the online CEMIS website) ngokungena ngesixhobo sokufaka idatha kwikhompyutha (capturing tool), ugqithele kumyalelo wokuqhubeka wenze u-Upload function ube sele uklikha kuwo. Oku kuya kuyifaka idatha ngokuzenzekelayo kwiziko ledatha eliyi-CEMIS online database.


5. Ukungeniswa-ngaphakathi (Transfers-in)
5.1 Uninzi lwezikolo, ingakumbi iisekondari, ziya kucelwa ukuba zingenise (transfer-in) abafundi abavela kwezinye izikolo eNtshona Koloni nabo banezatifikethi eziyintsusa zokungena kwesinye isikolo. Oku kungenziwa ngokulogisha kwiziko ledatha leCEMIS (logging on to the online CEMIS) uze ugqithele kulo myalelo Transfer-in function, kwikhompyutha. Klikha iqhosha (button) ukuze lona likukhokele ukuba ukhangele umfundi usebenzisa inombolo eyodwa yomfundi yokumazisa (unique learner identifier). Zalisa ke ezo nkcukacha njengoko uxelelwa yikhompyutha wakuba nje umfumene umfundi lowo.
5.2 Ukuba umfundi onesatifikethi sokungena esikolweni (transfer certificate) akazange akhutshwe (transferred out) kwisikolo ebekuso ngaphambili kwinkqubo yekhompyutha (online system), dlulela phambili umngenise okwethutyana usebenzise i-provisional transfer-in.
5.3 Malunga nayo nayiphi na imibuzo onganayo ngale ngcaciso ilapha ngentla, kucelwa ufonele le nombolo ingahlawulelwayo: 0800 204 800 okanye uqhagamshelane ne-EMIS kwezi nombolo: 021 467 2289/ 2290/ 2291/ 2292/ 2293/ 2294/ 2295 / 2297/ 2220/ 2221.

6. Ulungiso lwedatha kwikhompyutha: Ukufaka iinkcukacha ezintsha zabafundi ku-2006
6.1 I-CEMIS ibonelela ngoluhlu lwabafundi olubonisa ibakala lomfundi ngamnye apha ku-2006. Iklasi entsha yomfundi ngamnye apha ku-2006 nayo ingaboniswa. Kucetyiswa ukuba uluprinte olu luhlu uze ufake iklasi entsha ngakwigama lomfundi ngamnye. Zakuba zigqityiwe ezi nguqulelo kuluhlu olo, logisha kwikhompyutha uze usebenzise olo luhlu lunengcaciso entsha ukufaka iinkcukacha ezintsha kwi-CEMIS ubonise iklasi entsha yomfundi ngamnye. Le nkqubo iya konga ixesha. Khangela kwincwadana esisikhokelo (manual).
6.2 Izifundo zabafundi beBakala 10 ngo-2006 maziboniswe nazo. Incwadana esisikhokelo iya kunika isikhokelo ngomakwenziwe malunga nokufaka iinkcukacha ezintsha zeBakala 10.
6.3 Izifundo ezikhethwe ngabafundi namahlelo azo (grades) zamaBakala 11 ingakumbi ezeBakala 12 mazifakwe iinkcukacha ezintsha engekapheli uFebruwari 2006.
6.4 Ukufakwa kweenkcukacha ezintsha zengcaciso ngokubanzi engomfundi makwenziwe nako xa kukho imfuneko yoko. Imizekelo yengcaciso elolu hlobo ibandakanya utshintsho lwedilesi yendawo yokuhlala, ukusweleka komzali notshintsho kwizinto ezenziwa ngexesha lasemva kwezifundo (extramural actvities).

7. Ubalo lobhaliso olutsha (New Registration Audit)

Ukuze kuvavanywe ukuthembeka kweziko ledatha iCEMIS xa kuthelekiswa nawona manani kanye achanekileyo abafundi ezikolweni, umbonelei-nkonzo uceliwe ukuba aqhube ubalo lwabafundi ngamnye ngamnye (headcounts) kwizikolo ezili-100 kwiPhondo leNtshona Koloni ngokubanzi. Olu balo (audit) luya kwenziwa phakathi kukaFebruwari noMeyi ku-2006. Kuya kubalwa inani labafundi abaze esikolweni ngosuku oluthile. Apho baliqela abafundi abangekhoyo nakwesiphi na isikolo, oko kuya kulandelelwa.


8. Imodyuli yabasebenzi besikolo (School Staff Module)

Le modyuli isalungiswa kwaye iya kufumaneka kungekudala. Uya kwaziswa ngoko nangoko yakuba ifumaneka.


9. Uphando oluqhuphayo (Snap Survey)
9.1 UMphathiswa weMfundo kaZwelonke ukhuphele iSebe likaZwelonke umyalelo wokuba makubekho okanye makufumaneke idatha engabafundi ngokuthi kusetyenziswe uphando oluqhuphayo (snap survey). Ukuze kuqhutywe uphando oluqhuphayo oluchanekileyo (accurate snap survey), kuya kufuneka zonke izikolo zibe zilugqibile ubhaliso kwezi fom New Registrations and Transfers-in nge-31 Januwari 2006, umhla ke lowo ongowophando oluqhuphayo (Usuku lwe-10 zivuliwe izikolo). ISebe likaZwelonke liyifuna le datha nge-10 Februwari 2006.
9.2 Ngako oko ke zonke izikolo mazenze amalungiselelo ayimfuneko zigqibezele ukuzaliswa kwekopi eprintiweyo (hard copy) yesikolo ngasinye nge-31 Januwari 2006 zize zizingenise kumphathi wazo wesekethe kwangolo suku lunye. I-EMIS iya kwenza amalungiselelo nabaphathi beesekethe ukuze ifumane loo maxwebhu ophando kubo nge-3 Februwari 2006.
9.3 Uphando olwenziwa ngonxibelelwano lwekhompyutha (Online Survey)

Enye yezi ndlela zintsha (new menu items) kwi-CEMIS ziiSaveyi (Surveys). Klikha kuzo uzijonge ube sele uzalisa ifom.

9.3.1 Amanani etheyibhile abafundi (learner table numbers) aya kufumneka kwiziko ledatha leCEMIS (CEMIS database).
9.3.2 Iitheyibhile zabasebenzi (staff tables) mazizaliswe ngokuthayipha amanani kwitheyibhile.
9.3.3 Zakuba nje zigqitywe ukuzaliswa iitheyibhile zabasebenzi, kucelwa uklikhe kwiqhosha (button) u-Verification, neliya kubonisa ukuba iinkcukacha ezinikwe kwitheyibhile zabasebenzi zichaneke ncam. Liya kutshixwa (locked) eli candelo ukuze ligcine ingcaciso engophando oluquphayo (snap information).

10. Enkosi ngentsebenziswano nenyameko yenu. Ukuqaliswa ngempumelelo kwale nkqubo intsha bekungazi kwenzeka ukuba besingafumana ncedo neengcebiso zenu.

11. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, qhagamshelana nommeli wakho wengingqi weCEMIS okanye neCandelo loPhando lwezeMfundo (Education Research) apha 021 467 2290 okanye 467 2289. Ukuba yimibuzo engonxibelelwano ngekhompyutha kucelwa ufonele kule nombolo: 021 467 2873.


ISAYINWE: NGU-P.C. PRESENT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:12