1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuqhuba kwakhona uphando ngemigangatho yolwazi lokufunda, ukubhala nokubala kubafundi beBakala 3 kweli phondo ngo-Oktobha noNovemba 2006.
2. Injongo yolu Vavanyo lweBakala 3 kukulinganisa amanqanaba olwazi lokufunda, nokujonga inkqubela eyenziwe ngabafundi ekufikeleleni kwimigangatho eyiyo yolwazi lokufunda, ukubhala nokubala. Kwakhona olu vavanyo luza kunceda ekulungiseni undonakele luze ngaloo ndlela luncedise iSebe leMfundo eli ekucwangciseni umsebenzi wokunika inkxaso nophuhliso ezikolweni.
3. Olu vavanyo lwabafundi beBakala 3 luza kususela kwimigangatho echazwe kolu xwebhu Benchmarks for Literacy and Numeracy, nakwiNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)).
4. Sele eqalisiwe amalungiselelo oku yaye ziya kwaziswa zonke izikolo ezinabafundi beBakala 3 kungekudala ngenkqubo eza kulandelwa zize zinikwe nezinye iinkcukacha zezolawulo.
5. Ngokwahlukileyo kuvavanyo lwangaphambili ekwathi kulo kwavavanywa isampula yabafundi abangama-40 elona nani likhulu, kuza kuvavanywa ngo-2006 iqela labafundi abangoontanga beBakala 3 liphela.
6. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo, ngakumbi ootitshala beBakala 3.
7. Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwe kule ngcaciso imfutshane mayibhekiswe kuGqr RS Cornelissen kule nombolo yefoni 021 467 2286 okanye ithunyelwe nge-imeyili kuye apha rcornelissen@pgwc.gov.za

Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.



ISAYINWE: NGU-P. PRESENT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:13