1. ISaveyi ka-2006 eyenziwa minyaka le yezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo iza kuqhutywa ngekhompyutha kusetyenziswa iziko ledatha i-CEMIS. Izikolo zabucala azikafakwa kweli iziko ledatha i-CEMIS kwaye kuya kufuneka ke ngoko zizalise ifom emiselweyo yesaveyi eqhutywa minyaka le zize zilandele inkqubo yokungeniswa kwayo kwisebe njengoko kwakucacisiwe kumaxwebhu esaveyi awayethunyelwe kwizikolo zabucala.
2. Njengoko kwakutshiwo kule Ngcaciso eMfutshane 0005/2006, iCEMIS ifanele ukusivumela ukuba sihlele iinkcukacha zabafundi abasele bekho esikolweni, abafundi ababhalisayo esikolweni besuka kwezinye izikolo, ukubhalisa abafundi abatsha abavela kwezinye izikolo ezingekhoyo kwiCEMIS, ukutshintsha abafundi ababhalisiweyo besuka kwesinye isikolo ukuya kwesinye, kunye nokuzalisa kuze kuhlelwe iinkcukacha zesaveyi equphayo (snap survey) nezesaveyi yonyaka ngekhompyutha.
3. Ukugcinwa kweenkcukacha zeziko ledatha zichanekile

Kunyanzelekile ukuba yonke imicimbi (transactions) eyenziwe kwiziko ledatha esikolweni mayigqitywe ukwenzela ukuba kuveliswe idatha yecandelo labafundi ukulungiselela isaveyi yonyaka. Oku kuthetha ukuba ZONKE iinkcukacha

  • zabafundi abangenileyo esikolweni (transfers-in),

  • zabafundi abatshintshela kwezinye izikolo (transfers-out),

  • zababhalisa okokuqala,

  • zabakhutshwayo bacinywe kubhaliso,

  • zakutsha nje zokhetho lwezifundo zecandelo leFET ngabafundi,

  • zabafundi zengcaciso ngezinto abazenza ngexesha lasemva kokufunda (extramural activities) zimelwe kukuzaliswa sisikolo.

Zonke izikolo ezifakiweyo kwiCEMIS zaboniswa indlela yokusebenzisa iziko ledatha. Lukwafumaneka nolunye uncedo kumagosa ancedisayo akwaDeloitte and SAB&T, inombolo yeziko leefoni ngu-0800 204 800, nakwi-ofisi yeCEMIS nakuyiphi na yezi nombolo zefoni 021 467 2289/ 2290/ 2291/ 2292/ 2293/ 2294/ 2295/ 2297/ 2220/ 2221.

Njengangoku kuveliswa ezinye izinto eziza kwenziwa kwiziko ledatha yaye, kungoko kubalulekile ukuba abo basebenzi bajongene nenkqubo yeCEMIS ezikolweni kufuneka bahlale benolwazi ngezinto ezintsha eziqhubeka kwiCEMIS ngokusebenzisa iinkqubo zokuzihlaziya ezibonelelweyo.

Qaphela ukuba ubhaliso lwabaviwa beMatriki luza kwenziwa ngeCEMIS ngo-2006. ICandelo leeMviwo liza kwazisa izikolo kungekudala malunga nale nkqubo intsha.

4. ISaveyi yeKhompyutha yoNyaka
4.1 Icandelo labafundi (ICandelo 2)

Kuphela kusemva kokuba zonke iinkcukacha zabafudi abangenileyo esikolweni nabatshintshela kwezinye izikolo, zabo babhalisa okokuqala nezabafundi abakhutshwayo bacinywe kubhaliso zigqityiwe ukwenziwa, apho isaveyi yekhompyutha iya kunika ingxelo echanekileyo ebonisa idatha yesaveyi. Inqununu nekomiti yabalawula i-CEMIS mabaqinisekise ukuba yonke imicimbi (transactions) eyenziwe kwiziko ledatha iyagqitywa ukwenzela ukuba isistim ibe nokuvelisa amanani ewonke achanekileyo esikolo.

Inqununu mayiyisayine ukubonisa ukuba ichanekile isaveyi yamanani onyaka aveliswe yikhompyutha ecandelo labafundi besikolo ngokuklikha iqhosha lokuvala iprogram yekhompyutha (sign-off button) kwinkqubo yekhompyutha ize iprinte ikopi yekhasi ngalinye ukulungiselela iirekhodi zesikolo. Inkqubo yokusayina amanani esaveyi achanekileyo kungaqhutyelwa phambili nayo ukususela ngoLwesithathu, we-15 Matshi 2006, kodwa mayigqitywe ngoLwesibini, we-28 Matshi 2006.

4.2 Amanye amacandelo (Amacandelo 1, 3, 4 no-5)

Icandelo 1: Kuya kunikwa ingcaciso ngokubanzi ngesikolo ngamaxesha athile kubekho izithuba phakathi nekuya kuboniswa naluphi na utshintsho olwenzekileyo.

ICandelo 3: Kuya kunikwa iithebhile ezizalisiweyo zezibonelelo zoncedo ngamaxesha kukho ingcaciso. Kungenjalo izikolo mazizenzele ngokwazo ezi thebhile ngokutayipha iinkcukacha ezichanekileyo.

Icandelo 4: Kuya kunikwa iithebhile zezibonelelo zoncedo nezezixhobo zomsebenzi nemazizaliswe sisikolo ngasinye.

Icandelo 5: Isikolo ngasinye kufuneka siphendule imibuzo emalunga nezemali.

4.3 ISaveyi yeKhompyutha yoNyaka: (Ukuphuma kwiprogram yekhompyutha eneenkcukacha ezigqityiweyo)
4.3.1 Akuba nje enziwe agqitywa amacandelo ahluka-hlukeneyo esaveyi enziwa kwikhompyutha phakathi kwe-15 ne-28 Matshi 2006, makuklikhwe iqhosha lecandelo ngalinye olisebenzisa xa uphuma kwiprogram ukubonisa ukugqitywa ngokupheleleyo kwelo candelo.
4.3.2 Nceda uprinte icandelo ngalinye lamacandelo asayinweyo uze ufake efayilini ikopi esayinweyo yaza yabhalwa umhla ukulungiselela iirekhodi zesikolo.
4.3.3 Inkqubela-phambili yesikolo ngasinye engokuzaliswa kwamacandelo esaveyi yonyaka iya kusoloko ibekwe esweni kuze ngakunye ukuvalwa kwesaveyi egqityiweyo kurekhodwe ngokuzenzekelayo ngekhompyutha kwiziko ledatha.
5. Ukunikwa amabhaso eCEMIS kunye neConsortium
5.1 Kuya kubakho itheko lokunika amabhaso ngomhla we-22 Matshi 2006. Ngokususela kwiinqobo zokugweba eziya kusetyenziswa, amabhaso aya kunikwa izikolo ezigqwesileyo apho ukuqaliswa nokusebenza kweCEMIS kwisikolo sazo kube yimpumelelo esemagqabini. Izikolo ziya kwaziswa malunga noku.
5.2 Umsebenzi wenkampani ejongene nalo msebenzi uye wandiswa ukuze ibe nokwenza uphicotho lwezikolo ezili-100 kulo lonke iphondo ukuqinisekisa ukuba ngaba kukho ukungqinelana kweenkcukacha okunokuthenjwa phakathi kweziko ledatha yeCEMIS kunye nemeko eqhubekayo kanye ezikolweni. Njengangoku kuyaqhutyekwa nale nkqubo yaye iza kuqhuba de kube nguMeyi 2006.
6. Ukususela nge-1 Apreli ukubheka phambili, yonke imibuzo ngeCEMIS kufuneka ibhekiswe kwiCandelo loPhando ngezeMfundo kule nombolo yefoni (021) 467 2290 okanye kule 467 2289, okanye kwiinombolo zefoni ezinikwe apha ngentla.
7. Enkosi ngentsebenziswano nenyameko yenu malunga nokuqaliswa kwale nkqubo intsha.


ISAYINWE: NGU-F.A. BOOYSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:03