1. Umjikelo weNkqubo eBanzi yoLawulo lweMigangatho (Integrated Quality Management System) ((IQMS)) waqalisa nge-1 Januwari kwaye uya kuphela nge-31 Disemba 2006.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liye laprintela utitshala ngamnye ikhalenda. Le khalenda idwelisa uthotho lwezinto eziza kwenziwa ngo-2006 ngokulandelelana kwazo. Kubalulekile ukuba bonke ootitshala balandele ngqo la maxesha amiselweyo ukuze iinkqubo zee-EMDC nezakwaNdlunkulu zingabi nakulibaziseka.
3. Le khalenda igxila kwiziganeko ezibandakanya utitshala. Kucace gca kule khalenda ukuba i-apreyizali yentsebenzo iyingxam yolawulo lwabaqeshwa kunye nesicwangciso sesikolo.
4. Luxanduva lwesuphavayiza notitshala ukuqinisekisa ukuba le nkqubo iphunyezwa ngokupheleleyo kwaye nemihla emiselweyo ilandelwa ngqo.
5. Uyacelwa ukuba uqinisekise ukuba utitshala ngamnye ufumana ikopi yakhe.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:30