1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linoxanduva lokuzisa imfundo esemgangathweni ebonelelwa ngurhulumente kubo bonke abantu abakwiphondo leNtshona Koloni.
2. NgokweMvumelwano 8 yowe-2003 yoThetha-thethwano neMibutho yaBasebenzi (Collective Agreement 8 of 2003), ezi program zintathu zilandelayo, zimiselwe ukuze zibekwe esweni yaye zikhuthaze ukusebenza ngokukuko kwenkqubo yemfundo:
  • I-Apreyizali yoPhuhliso looTitshala (Developmental Appraisal) (DA)): Utitshala ngamnye uyavavanywa ukuze kuqatshelwe iinkalo anamandla kuzo kunye nezo zisafuna ukuphuhliswa; kukwabonelelwa ngamathuba ophuhliso lomntu ngamnye (ngokwezicwangciso zokuziphuhlisa wena buqu) (personal growth plans).

  • UMlinganiselo weNtsebenzo (Performance Measurement) (PM): Intsebenzo katitshala ibekwa esikalini ngeenjongo zokuba abe nokuphendula ngentsebenzo yakhe.

  • UVavanyo lweSikolo Siphela ((Whole School Evaluation (WSE)): Injongo yoVavanyo lweSikolo Siphela kukuvavanya impumelelo ngokubanzi yesikolo, kugxilwe kumgangatho wokufunda nokufundisa. Oku makulandelwe yiprogram yophuhliso, ukunikwa inkxaso kunye nokuphuculwa omakwenziwe sisithili eso.

3. UVavanyo lweSikolo Siphela luya kuqaliswa kwiphondo leNtshona Koloni ukususela kowoku-1 Meyi 2006.
3.1 Ngexa lotyelelo lwamagosa ajongene novavanyo lwesikolo siphela, kuya kuthi kwakhona kungqinisiswe amanqaku okuhlolwa kwentsebenzo yootitshala kuze kuveliswe ingxelo engeenkqubo ze-Apreyizali yoPhuhliso looTitshala (Developmental Appraisal) noMlinganiselo weNtsebenzo (Performance Measurement) esikolweni eso.
3.2 Zonke izikolo eziya kutyelelwa ngo-2006 ziya kufumana iiseshoni zengcaciso phambi kokuba kwenziwe utyelelo. Ezi zikolo zaye zachongwa ngobugcisa liSebe leMfundo likazwelonke.
3.3 ICandelo lokuQinisekiswa kweMigangatho leSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kwazisa izikolo nezithili ngemihla echanekileyo yokutyelelwa yikomiti yoVavanyo lweSikolo Siphela (Whole School Evaluation team).
3.4 Ngoku eli Candelo lokuQinisekiswa kweMigangatho limi bume lixakekiswe yiprogram yokunika inkxaso emandla (intensive advocacy programme) emalunga noVavanyo lweSikolo Siphela. Zonke izikolo ziza kunikwa ingcaciso ebhaliweyo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:30