1. INgcaciso eMfutshane yoQinisekiso lweMigangatho 002/2005 (Quality Assurance Minute 002/2005) yazisa bonke abachaphazelekayo ngesicwangciso sokungeniswa kwamanqaku ashwankathela intsebenzo yabaqeshwa (summative scores) omjikelo wokuqala we-1 Januwari – 31 Disemba 2005. Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwamanqaku kubaququzeleli beNkqubo eBanzi yoLawulo lweMigangatho (Integrated Quality Management System) (IQMS) kwii-EMDC wawuyi-30 Novemba 2005.
2. Uyakhunjuzwa ukuba amanqaku ashwankathelayo entsebenzo yabaqeshwa (summative scores) angummiselo kuye nawuphi na utitshala osebenza esikolweni ukuze alungele ukufumana uchatha kumvuzo (pay progression) ngoJulayi 2006, ngokuxhomekeka ekubeni utitshala lowo ufumene amanqaku ‘Amkelekileyo’. Ootitshala abamanqaku ashwankathelayo entsebenzo yabaqeshwa angekabi nakufumaneka kufanele ukuba baqaphele ukuba oku kulibaziseka kuya kuzichaphazela iinkqubo zokumodareyitha nezolawulo.
3. Ukwenziwa ngempumelelo kwe-IQMS kuxhomekeke kwintsebenziswano yeenqununu, yootitshala neyabaqeshwa besithili. Iinqununu zinoxanduva lokuqinisekisa ukuba amanqaku ashwankathelayo entsebenzo yabaqeshwa abo bonke ootitshala abahlawulwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni angeniswa ekwifomathi echanekileyo kubaququzeleli be-IQMS phambi komhla wokuvala. Kwakhona iinqununu zinoxanduva lokuqinisekisa ukuba umjikelo omtsha (2006) sewuqalisiwe ukususela ngoJanuwari 2006. Ukungaphumeleli ukulandela ngqo le shedyuli kuya kuluchaphazela kakubi ulawulo lomjikelo olandelayo.
4. Lo gama sifumene intsebenziswano entle kakhulu kuninzi lwezikolo, zikho izikolo ezimbalwa ezingekawangenisi amanqaku azo. Ngokwenjenje kukhunjuzwa okokugqibela eli qela likhankanywe mva ukuba liqinisekise ukuba onke amanqaku ashwankathela intsebenzo yabaqeshi afika kumququzeleli we-IQMS phambi kwe-14 Matshi 2006.
5. Ziyakhunjuzwa iinqununu ngokubaluleka kokulandela ngqo imihla emiselweyo ngo-2006, njengoko kubonelelweyo kwikhalenda ye-IQMS ehamba kunye neNgcaciso eMfutshane yoQinisekiso lokuseMgangathweni 0001/2006.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:08