1. |
NgokweMvumelwano 8 yowe-2003 neMibutho yaBasebenzi (Collective Agreement 8 of 2003) emalunga neNkqubo eBanzi yoLawulo lweMigangatho (Integrated Quality Management System (IQMS), kufuneka ootitshala baphumeze inkqubo ye-apreyizali yentsebenzo eqinisekisa uchatha kwimivuzo yabo rhoqo ngonyaka.
|
2. |
Xa ootishala betshintsha besuka kwesinye isikolo besiya kwesinye, kubalulekile ukuba amaxwebhu abo e-IQMS nawo agqithiselwe kweso sikolo sitsha ukuze kuqinisekiswe ukuba kukho ukuqhubeka kwinkqubo yokuphunyezwa kwe-IQMS yootitshala. Le mephu yenkquboeqhotyoshelweyo ibonakalisa inkqubo ekufuneka ilandelwe ukuze kuqinisekiswe ukuba amaxwebhu e-IQMS afika kweso sikolo aya kuso kwangethuba.
|
ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:24
|