1. IMvumelwano 8 yowe-2003 yoThetha-thethwano neMibutho yaBasebenzi kwi-ELRC (ELRC Collective Agreement 8 of 2003), esingethe umbandela weNkqubo eBanzi yoLawulo lweMigangatho (Integrated Quality Management System (IQMS)), igxininisa uqeqesho, uphuhliso nenkxaso eziqhubeka okokoko nemazifunyanwe ngabo bonke ootitshala ngokwezicwangciso zokuphuhliso lwabo buqu. Uqeqesho nophuhliso ziluxanduva lomntu ngamnye, lweziko ne-EMDC, ukanti izicwangciso, iinkqubo (systems) neekomiti zokuqhubela phambili uphuhliso lootitshala kumsebenzi wabo wokufundisa nazo mazibonise olu xanduva. Iimfuno eziphambili zabo bonke ootitshala mazilungiselelwe kwizicwangciso zoqeqesho ukuze kuphuculwe umgangatho wemfundo ngokubanzi.
2. Kwimeko yootitshala abangasebenzanga kakuhle, njengoko kubonisiwe ngamahlelo entsebenzo kwi-apreyizali (performance appraisal ratings) makwenziwe amalungiselelo awodwa ziikomiti zokunika inkxaso yophuhliso (development support groups (DSGs)) kunye neekomiti zophuhliso lootitshala (staff development teams (SDTs)) ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kunikwa uqeqesho nenkxaso ezichana zigxininise kokufunekayo nezisekelwe kwiimfuno ukukhuthaza intsebenzo ebhetele. Ukuqhubeka usenza umsebenzi ongekho mgangathweni kungakhokelela ekugxothweni ngokoMthetho wezeNgqesho yooTitshala (Employment of Educators Act).
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) libonelele zonke izikolo ngoxwebhu olusisikhokelo nolucacisa ubungqina obunokungqinwa obukhokelela kuhlelo oluthile (particular rating) kumgangatho wentsebenzo ngamnye. Olu xwebhu lusengasetyenziswa njengenyathelo lokubonisa "eyona ndlela ibhetele yokusebenza" ("best practice"), utitshala ngamnye amakasebenze ejonge ukufikelela kuyo. Ziyacetyiswa iinqununu ukuba zinike olu xwebhu ootitshala ukuze kuqalise iingxoxo zokufundisa ngobungcali kwezo ndlela zidweliswe phantsi kwekhrayitheriya nganye.
4. Abaququzeleli be-IQMS baya kubamba iiseshoni zengxoxo neenqununu kuzo zonke iisekethe ku-2006 malunga nesi sikhokelo sikhankanywe apha ngasentla. Iinqununu, nazo ziya kulindeleka kwelazo icala ukuba zabelane nootitshala bazo ngale ngcaciso. Injongo kukuqinisekisa ukuba bonke ootitshala banolwazi kwaye bayiqonda ngokufanayo into elindeleke kubo ukuze ngaloo ndlela kupheliswe into yokusebenzisa uluvo lwakho (subjectivity) kwinkqubo ye-aprezali (appraisal process) kangangoko oku kunokwenzeka. Ngaphezu koko, oku kuya kunciphisa ukungaqondi malunga nokuba ootitshala bamelwe ukunikwa amahlelo aphezulu (high ratings) ngenxa yokuba benze imisebenzi yesiqhelo elindelekileyo kubo. Amahlelo okuba umsebenzi ngomhle nokuba ngogqwesileyo makanikwe kuphela xa utitshala ethe wagqithisa mpela kunoko bekulindelekile kwiDSG nakwabo benzelwa iinkonzo.
5. ICandelo lokuQinisekiswa kweMigangatho liya kuyibeka esweni into yokuba ngaba ukuqhutywa kolu qeqesho, uphuhliso nenkxaso kuyangqinelana na nemiba ecacisiweyo ekhankanywe apha ngentla. Abaququzeleli be-IQMS baya kunika inkxaso amaziko ngokumalunga nazo zonke iinkqubo ezichazwe apha ngasentla.
6. Nceda wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:18