1. ICandelo loQinisekiso lweMigangatho labamba iintlanganiso nazo zonke iisuphavayiza zamagosa asebenza ezi-ofisini kwikota yokugqibela ka-2005 nakwikota yokuqala ka-2006 ngenjongo yokuseka imigangatho.
2. Le nkqubo yayiyimfuneko ukuqinisekisa ukungqinelana kwezinto kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokuphathelele koku kulandelayo:
  • Izicwangciso zomsebenzi zamacandelo ahlukeneyo abasebenzi

  • Imigangatho efanayo engundoqo (common primary standards) esetyenziswa kumagosa akwaNdlunkulu nakwii-EMDC

3. Imigangatho efanayo engundoqo iya kuqinisekisa ukuba izicwangciso zomsebenzi
  • zanele yaye zizibonakalisa ngokufanelekileyo iimfuno nenqanaba lesithuba ngasinye, yaye

  • zilixabiso elilinganayo, ngokukodwa apho iqela labasebenzi lenza imisebenzi efanayo.

4. Iisuphavayiza zacelwa ukuba zifake la maxwebhu emigangatho kwiCandelo loQinisekiso lwemiGangatho, yaye, ukuza kuthi ga ngoku, kufunyenwe iqela lamaxwebhu emigangatho yamahlelo ngamahlelo abasebenzi.
5. Iisuphavayiza ezingekawangenisi nangoku amaxwebhu emigangatho yamahlelo ngamahlelo abasebenzi ziyakhunjuzwa ukuba ziwangenise ungadlulanga umhla we-30 Januwari 2007.
6. La maxwebhu emigangatho aya kudityaniswa abe yincwadi ukuncedisa ekumodareyitheni. Xa iNtloko yeSebe (iNtloko yeSebe leMfundo) okanye lowo udluliselwe amagunya yiyo ehlola izicwangciso zemisebenzi ezithile kuwo onke amanqanaba nakuzo zonke iinkalo, ukujonga ukungqinelana kwezinto, kuya kuthi ke ngoko kusetyenziswe la maxwebhu emigangatho njengesikhokelo.
7. Intsebenziswano yakho malunga noku iya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:30