1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kuqhubeka nokomeleza iinkqubo nezixhobo ezinjongo zazo ikukuphucula umgangatho wemfundo kweli phondo. Ngenxa yoku, eli Sebe iWCED laqhuba ikhosi yoqeqesho kwiMetropole South ngo-Oktobha 2006 (qeqesho olo oluya kwenziwa kwezinye izithili ngoFebruwari ukuya ku-Apreli 2007).
2. Kufuneka isikolo ngasinye senze isiCwangciso soPhuculo lweZikolo (School Improvement Plan) (SIP) ngefomathi entsha njengoko kucacisiweyo apha ngezantsi. IsiCwangciso soPhuhliso lweZikolo 'esidala' kunye ne-SIP 'endala' ziya kudityaniswa zibe sisiCwangciso soPhuculo lweZikolo esinamacandelo amabini:
  • IiNkalo ezilithoba ekuGxilwe kuzo (ezazenze i-SDP yangaphambili)

  • Iimfuno zophuhliso lootitshala, (njengoko zichaziwe kwinkqubo yoLawulo lweNtsebenzo (Performance Management process) (eyenza inxenye yeNkalo yesi 4 eGxininiswayo (Focus Area 4): UPhuculo loMgangatho wokuFundisa nokuFunda kunye noPhuhliso looTitshala)), nezazenze i-SIP endala.

3. Ukuqinisekisa ukuba zonke izikolo zicacelwe gca yifomathi ye-SIP entsha, kubalulekile ukuba zonke iinqununu kunye nabaququzeleli be-WSE baye kwiiseshoni zoqeqesho, ezicwangciselwe uFebruwari ukuya ku-Apreli 2007 ( Funda iNgcaciso eMfutshane: 17/2006).
4. Ukususela ngo-2007, leli gama kuphela eliya kusetyenziswa 'IsiCwangciso soPhuhliso lweZikolo' ('School Improvement Plan') ukubonisa isicwangciso sesikolo songenelelo ngoncedo ukukhawulelana nezinto ezishotayo (gaps) kunye neemfuno zootitshala ngethuba lonyaka wekhalenda. Kubaluleke gqitha ukuba i-SIP yenziwe kakuhle ukuze iimfuno zophuhliso lwesikolo, kwakunye nezo zootitshala, ziqatshelwe ngokuchanekileyo. Isikolo siya kufumana inkxaso emanqanaba mathathu (three tiers) kule nkqubo: kwisikolo ngokwaso, kwi-EMDC nakwaNdlunkulu. Ngolo hlobo ke kumele i-SIP inike omathathu la manqanaba umkhomba-ndlela ocace gca ngokumalunga nenkxaso isikolo ekufanele ukuba siyifumane.

Yonke imisebenzi ecwangciselwe unyaka wama 2007 iya kuzama ukumisela ngokufezekileyo.



ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:30

School Improvement Plan Template  (ubukhulu: 7 KB)