1. Ngokwesicwangciso solawulo, zonke iisayikholojisti netherapisti ezisebenza kumaziko emfundo kufuneka ngoku zibe zigqibezela inkqubo yeemvavanyo ezishwankathelayo zazo.
2. Le ngcaciso emfutshane yeyokwazisa zonke iinqununu ezineesayikholojisti neetherapisti ezikolweni zazo ukuba makungeniswe amaxwebhu achazwe ngezantsi apha, ukulungiselela iimvavanyo ezishwankathelayo. Kwimeko yesayikholojisti okanye yetherapisti esebenza kwizikolo eziliqela, iifom mazizaliswe yinqununu yesikolo ekuchithwa ixesha elininzi kuso, okanye njengoko kuvunyelwene ngabo bonke abo bathatha inxaxheba.
3. Amanqaku omntu ngamnye oyisayikholojisti noyitherapisti makarekhodwe kuXwebhu lwaManqaku eZinto ngeZinto (Jonga isiHlomelo A esiqhotyoshelweyo).
4. Makuzaliswe uXwebhu lwaManqaku eZinto ngeZinto olusiSishwankathelo (Jonga isiHlomelo B esiqhotyoshelweyo).
5. La maxwebhu azalisiweyo makafike kumququzeleli we-IQMS kwi-EMDC ungadlulanga umhla we-30 Novemba 2006.
6. Iinkcukacha zoqhagamshelwano zaBaququzeleli be-IQMS ziqhotyoshelwe apha (Jonga isiHlomelo C esiqhotyoshelweyo).


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:21

Isihlomelo A  (ubukhulu: 82 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 16 KB)  |  Isihlomelo B ("zip" XLS)  (ubukhulu: 58 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 7 KB)