1. Ngokwekhalenda ye-IQMS yesikolo ka-2006, uvavanyo oluquphayo olwaqala ngo-Agasti 2006, lufanele ukuba lugqitywe ngowe-31 Oktobha 2006.
2. Inqununu yeziko ngalinye eliphantsi kolawulo lweSebe leMfundo leNtshona Koloni inoxanduva lokuqinisekisa ukuba amanqaku ovavanyo oluquphayo abo bonke ootitshala abahlawulwa imivuzo liSebe leMfundo leNtshona Koloni abakwelo ziko angeniswa kumququzeleli we-IQMS kwi-EMDC echaphazelekayo ngowe-14 Novemba 2006, njengoko kubhaliweyo kwikhalenda ye-IQMS yezikolo ka-2006.
3. Amanqaku katitshala ngamnye makarekhodwe kwi-Summary Composite Score Sheet for Individual Educators) (Annexure A).
4. Emva koko, onke amanqaku ootitshala makalungiswe kakuhle afakwe kwi-Summary Composite Score Sheet (Annexure B). Olu xwebhu malungeniswe phambi kowe-14 Novemba 2006.
5. Makuqatshelwe ukuba ukusonjululwa kweyantlukwano okanye kwezikhalazo makufikelelwe esigqibeni ngako ngokwemigqaliselo yomhlathi 10 weMvumelwano 8 neMibutho yaBasebenzi ka-2003 phambi kokuqala kwenkqubo yokumodareyitha esikolweni.
6. Inqununu inoxanduva lokusingatha inkqubo yokumodareyitha amanqaku esikolweni sayo.
7. Makulandelwe i-Moderation Steps (isiHlomelo C) eqhotyoshelweyo ukuqinisekisa ngokuthembeka kwamanqaku.
8. Umphathi wesekethe uya kuthi emva koko afumane amanqaku kumququzeleli we-IQMS aze amodareyithe amanqaku kwisekethe nganye.
9. Apho ootitshala balayo ukuthobela le mimiselo iyimfuneko yeMvumelwano 8 neMibutho yaBasebenzi ka-2003, malunga nomlinganiselo wentsebenzo, kuya kuqalisa ukusebenza imigaqo engenyathelo lezoluleko.
10. Kucelwa ukhumbuze bonke ootitshala abasebenza kwelo ziko ukuba unyuso-mvuzo lukaJulayi 2007 luya kuxhomekeka kuvavanyo oluquphayo luka-2006. Nakuphi na ukulibaziseka kuya kuthintela ukuphunyezwa konyuselo-mvuzo.
11. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo, kucelwa uqaphele ukuba kuye kwakho utshintsho lwabaqeshwa kwiCandelo loQinisekiso lweMigangatho. Iingcombolo zabaququzeleli be-IQMS ziqhotyoshelwe kwisiHlomelo D. Kucelwa uqhagamshelane naba bantu ukufumana uncedo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:09:27

Isihlomelo A  (ubukhulu: 11 KB)
Isihlomelo B  (ubukhulu: 18 KB)  |  Isihlomelo B ("zip" XLS)  (ubukhulu: 58 KB)
Isihlomelo C  (ubukhulu: 10 KB)
Isihlomelo D  (ubukhulu: 6 KB)