1. ICandelo loQinisekiso lweMigangatho lityumbe uNks Anelien Venter we-Creative Educational Aids ukuba abeke iliso aze anike ingxelo ngokuphunyezwa nenkqubela kwiNkqubo yoLawulo noPhuhliso lweNtsebenzo (Performance and Management Development Scheme) (PDMS) ngokumalunga nootitshala abasebenza ezi-ofisini kumacandelo amabini abalawuli abaziintloko kumacandelo olawulo lokusebenza kwamaziko, nakumacandelo abalawuli asibhozo akwaNdlunkulu, kunye nakwii-EMDC ezisixhenxe.
2. Kuya kufuneka ukuba enze amalungiselelo amadinga okubonana naba ngenjongo yodliwano-ndlebe, abalawuli ngabalawuli abaziintloko, abalawuli ngabalawuli nootitshala ngootitshala abasebenza ezi-ofisini. Kugqitywe ekubeni kufanele uqokelelo lweyona datha eninzi yakhe lwenziwe ngekhompyutha njengenyathelo lokonga ixesha.
3. Ukulungiselela injongo yolu oditho, uyacelwa ukuba ubhale amagama abo bonke ootitshala abasebenza ezi-ofisini kwicandelo lakho ngokwamanqanaba ezikhundla zabo. Iikhweshine ziya kuthunyelwa ngekhompyutha kuwo onke amagosa, kuze emva koko kwenziwe udliwano-ndlebe nabathile abakhethwe ngendlela engacwangciswanga (random sample). Onke amaxwebhu achaphazelekayo kufanele afumaneke ukuze angqinisiswe ngethuba lodliwano-ndlebe.
4. Nceda uthumele uluhlu lwamagama ku-anelienv@lantic.net
5. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:08:30