1. Kuqhutywe isaveyi eyagunyaziswa liCandelo loQinisekiso lweMigangatho leSebe leMfundo leNtshona Koloni ukwenzela ukuba kubekwe esweni ukuphunyezwa kweNkqubo eBanzi yoLawulo lwemiGangatho (Integrated Quality Management System) (IQMS) kwizikolo ezithile ezikhethiweyo zaseNtshona Koloni. Iinjongo zale saveyi yayikukuqinisekisa oku kulandelayo:
(a) Indima eyenziweyo ukulandela amanyathelo omjikelo (cycle)
(b) Indima eyenziweyo zii-structures nokugcinwa kweerekhodi ezikolweni
(c) Amanqanaba okuchaneka nobulungisa ekusetyenzisweni kwenkqubo ye-apreyizali
(d) Iinkalo ezibalulekileyo apho kusafuneka khona uqeqesho nenkxaso engaphezulu
2. Le ngxelo iqhotyoshelweyo yesaveyi leyo ibonisa ukuba alandelwa njani amanyathelo kwinkqubo ye-apreyizali kwizikolo ezithile ezikhethiweyo. Zonke izikolo ziyayiphumeza inkqubo ye-apreyizali, kodwa kusekuninzi ekufuneka kuphuculwe.
3. Le ngxelo ibonisa izikolo ezo zinto ekumele zijongisiswe kwakhona ukwenzela ukuqinisekisa ukuba kuyangqinelwana nemimiselo yeMvumelwano 8 ka-2003 neMibutho yaBasebenzi (Collective Agreement 8 of 2003).
4. Ukuba le nkqubo ayenziwanga kakuhle, iziCwangciso zoPhuhliso loMntu buqu (Personal Growth Plans (PGPs)) iziCwangciso zoPhuhliso lweZikolo (School Improvement Plans (SIPs)) kunye neziCwangciso zoPhuhliso lweZithili (DIPs) aziyi kubonisa ngokuchanekileyo iimfuno zootitshala.
5. Ziyacetyiswa iinqununu ukuba ziqalise iingxoxo neeKomiti zoPhuhliso lweZikolo (School Development Team) kunye nootitshala ngeziphumo (findings) zale ngxelo. Makuthathelwe ingqalelo iingcebiso neenkqubo ezincomekayo ezinokunceda izikolo ziqhubele phambili nge-apreyizali. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba ukuhlangabezana neenkalo ezifuna uphuhliso kwii-SIP zazo kufuneka oko kwenzeke esikolweni, esithilini nakwaNdlunkulu.
6. Injongo ye-IQMS kukukhulisa umgangatho wemfundo ebonelelwa sisikolo ngasinye. Yakuba i-IQMS iyinxenye yeprogram yesiqhelo yesikolo, ziya kubonakala iziphumo zayo kwezemfundo.
7. Sinethemba lokuba le ngxelo iqhotyoshelweyo iya kukunceda kwiinzame zakho zokuphumeza i-IQMS ngempumelelo.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:17


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).