1. IMvumelwano 8 ka-2003 neMibutho yaBasebenzi (Collective Agreement 8 of 2003) isingethe ukuphunyezwa kweNkqubo eBanzi yoLawulo lweMigangatho i-IQMS ngabo bonke ootitshala bamaziko emfundo.
2. Ootitshala abaqala ukuphumeza inkqubo ku-2006 (ootitshala abasanda kufumana uqeqesho, ootitshala abaqeshwa okokuqala, ootitshala ababengekho enkonzweni ngo-2005, kwakunye nootiitshala abaqeshwe ithutyana nabaqeshwe ngemvumelwano), mababe ngoku bazigqibile iimvavanyo zabo zamanqaku okwandlalela, ngokwekhalenda ye-IQMS eyathunyelwa kutitshala ngamnye.
3. Iimvavanyo zokwandlalela zezo titshala zilolu hlobo, mazingeniswe kubaququzeleli be-IQMS (iinkcukacha zikwikhalenda), ziinqununu zawo onke amaziko achatshazelwa yile meko. Le themplethi iqhotyoshelweyo mayisetyenziselwe le njongo. Kucelwa niqaphele ukuba le themplethi ikwayileya yasetyenziselwa iimvavanyo zamanqaku okwandlalela ka-2005, ngaphandle nje komhla otshintshelwe ku-2006. Uvavanyo lokwandallela malenzelwe kuphela ezo titshala zingekavavanywa ngokwe-Mvumelwano 8 ka-2003 neMibutho yaBasebenzi (Collective Agreement 8 of 2003). Ezi titshala, kunye nabanye ootitshala, ziya kwenza uvavanyo olushwankathelayo (summative evaluation) xa kusiya ekupheleni kwalo nyaka.
4. Emva kokuba umququzeleli we-IQMS kwi-EMDC ehlaziye iirekhodi zakhe ezimalunga neemvavanyo zokwandlalela, ingcaciso iya kugqithiselwa kwiCandelo loQinisekiso lweMigangatho.
5. Bonke ootitshala ngokwangoku basekwisigaba somjikelo esisagxile uphuhliso (developmental phase). Ziyakhunjuzwa iinqununu neeSDT ukuba zilungiselele ukuba kuhlangatyezwane neemfuno zoqeqesho lootitshala kumanqanaba ngamanqanaba njengoko kufuneka: kwelikatitshala, kwelesikolo, kwelabasebenzi abanika inkxaso besithili neleKomiti yoQeqesho yesithili.
6. Siyabulela ngentsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-L.J. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:06:09

Baseline template  (ubukhulu: 33 KB)