1. Ngoku sikwisigaba sophuhliso somjikelo ka-2006 weNkqubo eBanzi yoLawulo lweMigangatho (Integrated Quality Management System (IQMS)). Sele zigqityiwe neemvavanyo zokwandlalela kootitshala abaphumeza le nkqubo okokuqala, kwaye zifanele ukuba nazo zijolise ekuphuhlisweni kwabo.
2. Siyaqhubeka nokukhangela iindlela zokuyiphucula ngakumbi le nkqubo. Oku makukhokelele kumgangatho ophuculweyo wokwenziwa kweenkonzo zemfundo. Ngoko ke, injongo ukususela kulo nyaka kuye phambili kukuba i-IQMS mayihlanganiswe kwinkqubo yokusebenza yesikolo eqhelekileyo.
3. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lenze ukuba isikolo ngasinye sifumane iNcwadi yeZalathi-nkqubela (Performance Indicator Book) ukuze isetyenziswe ngexesha lokwenza kwaso imisebenzi yesiqhelo, ingakumbi ekuphuculeni ukufundisa nokufunda.
4. INcwadi yeZalathi-nkqubela sisikhokelo esiqhelekileyo esicacisa amanqanaba obungqina obunokuqinisekiswa nobukhokelela ekunikweni kwamanqaku/kohlelo kumgangatho ngamnye wentsebenzo. Ngexesha lokujongwa komsebenzi katitshala xa efundisa, obu bungqina bunokuqinisekiswa bokwenziwa kwezinto eziqhelekileyo, kwakunye negalelo lengcali yenkalo yesifundo ekwikomiti yokunika inkxaso yophuhliso (development support group (DSG)), mabuqinisekise ukuba kunikwa amanqaku achaneke nangakumbi. Kungafikelelwa ke ngoko kwisigqibo ngendlela yokujonga izinto ngokuphangalele nangakumbi (more objective judgement) ngenxa yokuba kuya kufuneka amanqaku axhaswe bubungqina obuphathekayo obufumanekayo.
5. Kubalulekile ukuba makuqwalaselwe intsebenzo katitshala ngexesha lonke lonyaka - ingeyiyo intsebenzo ayifumene kwiriviyu yeveki/yenyanga - xa kugqityezelwe uvavanyo olushwankathelayo lokugqibela (final summative evaluation).
6. Kubaluleke kakhulu ukumodareyithwa okuqhubeka okokoko okwenziwa yinqununu nekomiti yophuhliso lootitshala ngawo wonke unyaka ukuze kube nokucaciswa gca amanqaku neemfuno zophuhliso lootitshala. ISebe leMfundo kuzwelonke liza kwenza kufumaneke uxwebhu oluneenkqubo zokumodareyitha (Moderation Procedures) yaye iSebe iWCED liya kwenza lube nokufumaneka kuzo zonke izikolo olo xwebhu.
7. Le Ncwadi yeZalathi-nkqubela kufuneka kwakhona isetyenziswe njengomqondiso obonisa “owona msebenzi uqaqambileyo” (“best practice”) ekufuneka utitshala ngamnye asebenzele ukuya kufika kuwo.
8. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba bonke ootitshala bayayifumana le Ncwadi yeZalathi-nkqubela. Kucetyiswa ukuba kuxoxwe ngemigangatho eyahlukileyo nezalathi-nkqubela ngabo bonke ootitshala.
9. Ziyacelwa kwakhona iinqununu ukuba zenze iikopi zale ncwadi ukuze ibe nokusetyenziswa njengencwadi abamana bejonga kuyo qho ootitshala.
10. Ndinethemba lokuba le Ncwadi yeZalathi-nkqubela iya kunceda ekuphuculeni umgangatho wemfundo eNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-L. ROSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:05:17