1. Njengoko nisazi, iSebe leNkonzo kaRhulumente noLawulo liphumeze isikim soncedo lwezonyango esitsha (new medical aid scheme) kubasebenzi benkonzo karhulumente (kuquka nootitshala) ukususela kwi-1 Julayi 2006 nesaziwa njengokuba yi-Government Employees Medical Aid Scheme (GEMS).
2. Ukuze esi sikim soncedo lwezonyango sibe nokuphunyezwa, isivumelwano sasayinwa kunye nemibutho yabasebenzi nge-22 Juni 2006 , apho le migqalisela ilandelayo yesikim soncedo lonyango esitsha yagxininiswa khona:
  • Injongo yokuphunyezwa kweGEMS kukuqinisekisa ukuba kukho ukufikelela okukhulu kuncedo lokuhlawulela ezonyango ngokubonelela ngentlawulo yezonyango (medical cover) efikelelekayo kubo bonke abaqeshwa, ingakumbi abo bafumana imivuzo esezantsi.

  • Inkxaso-mali yonyango iya kulungelelaniswa nendlela emi ngayo inkqubo yerhafu entsha.

  • Kuya kukhuthazwa ukubhalisa kwabasebenzi kwiGEMS .

  • Ngokusebenzisa iGEMS kuya kuqinisekiswa ngesibonelelo sentlawulelo yezonyango (medical cover) eyonga iindleko kubasebenzi ithuba elide.

  • Inkxaso-mali iya kulawulwa ngendlela eyiyo.

  • Ukuphunyezwa kweGEMS kuya kukhuthaza ukugaywa kwabasebenzi nokugcinwa kwabo baqeqeshiweyo kwanabo banezakhono ezinqongopheleyo.

3. Bonke abaqeshwa abatsha abaqeshwe ukususela nge-1 Julayi 2006 mabangene kwiGEMS ukwenzela ukuba bafumane inkxaso-mali yomqeshi engokumalunga nentlawulelo yezonyango.
4. Umsebenzi oqeshwe kwiNkonzo kaRhulumente phambi kwe-1 Julayi 2006 nowafumana inkxaso-mali yomqeshi nge-30 Juni 2006 ngokumalunga nesikim soncedo lwezonyango esibhaliswe ngokusemthethweni, uya kuqhubeka efumana inkxaso-mali yomqeshi eyi-66.6% yeentlawulo zoncedo lwezonyango, phantsi komqathango wokuba esona sixa-mali siphezulu yi-R1 014.00 ngenyanga, ngokuxhomekeke ekubeni umqeshwa uhlala elilungu lesikim soncedo lwezonyango esibhaliswe ngokomthetho.
5. Abasebenzi abatshintsha kwesinye isikim soncedo lwezonyango ukuya kwesinye, ingeyiyo iGEMS, emva kwe-1 Julayi 2006, abayi kufumana nkxaso-mali kurhulumente.
6. Ukuba umqeshwa ukwikhefu elingahlawulelwayo, isebe lakhe liya kuqhubeka lihlawula inkxaso-mali yomqeshi kwisikim soncedo lwezonyango okoko nje umqeshwa ewuhlawula umrhumo wakhe.
7. Ngenxa yokuba iSigqibo esasayinwayo (signed Resolution) safumaneka nge-22 Juni 2006 wabe umhla wokuvalwa kokulungiswa kwemivuzo yenyanga kaJulayi 2006 wawuyi-30 Juni 2006, iimfuno zeSigqibo 1 sika-2006 (Resolution 1 of 2006) ziya kuphunyezwa kwiPesali kuphela ukususela nge-1 Septemba 2006.
8. Oku kuthetha ukuba nawuphi na umqeshwa osanda kuqeshwa ukususela nge-1 Julayi 2006 nolilungu laso nasiphi na isikim sezonyango esingeyoGEMS, uya kufumana ngempazamo isixa esiyintlawulo yomqeshi, nesiya kuphinda sitsalwe ukususela nge-1 Septemba 2006.
9. Umqeshwa olilungu lesikim soncedo lonyango nonqwenela ukutshintshela kwiGEMS, makaqaphele ukuba kwangaphambili makanike isaziso sokuphelisa ubulungu bakhe kweso sikim sisebenzayo ngoku, nokuba kwezinye iimeko, kufuneka ibe sisaziso seenyanga ezi-3.
10. Iinkcukacha zentlawulo ezipheleleyo zomqeshi zesibonelelo soncedo lwezonyango ngokubhekiselele kwiGEMS, zichazwe kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
11. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi abachaphazelekayo.
12. This circular serves as.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:09

isiHlomelo A  (ubukhulu: 10 KB)