1. Ukubonelelwa ngochatha wepesenti enye (1% pay progression) kwimivuzo kuxhomekeke kwizinga lokusebenza. Ukuze kubekho ubonelelo lonyuso mivuzo nepesenti enye (1% pay progression) kubo bonke abasebenzi benkonzo karhulumente beSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) abakumanqanaba emivuzo 1 - 12, ifom yesiHlomelo E (ikopi yaso iqhotyoshelwe apha) yomsebenzi ngamnye ozanelisileyo imfuno yaye nezinga lakhe lomsebenzi lisanelisa, ukususela kwi-1 Apreli 2005 ukuya kwi-31 Matshi 2006 mayigcwaliswe. Iifom ezigcwalisiweyo mazingeniswe kule ofisi ungadlulanga owe-8 Agasti 2006 kwaye mazithunyelwe ku: Director: Personnel Management (Public Service), Division: Performance Management kwidilesi ekumzantsi weli phepha.
2. Nangona iifom zesiHlomelo E ziyinxalenye yamaxwebhu e-SPMDS nekufuneka amodareyithwa kwaye azalisiwe qho ngonyaka ngumqeshwa karhulumente ngamnye, iifom zesiHlomelo E ezizalisiweyo ziya kusingathwa ngokwahlukileyo aze u-1% anikwe umqeshwa ngamnye ontsebenzo yakhe ubuncinane yanelisayo, ngokuxhomekeka ekubeni kuboniswe ngolo hlobo kwifom.
3. Ngexesha lomjikelo ongaphambili iSebe laba nengxaki enkulu ekufumaneni iifom zesiHlomelo E ezizalisiweyo ezivela kuwo onke amacandelo namaziko. Ngako oko ke niyabongozwa ngokwenene ukuba niqinisekise ukuba iifom zesiHlomelo E zabasebenzi benu ziyangeniswa ngokukhawuleza.
4. Iza kukhutshwa kungekudala enye imbalelwano emalunga nokungeniswa kwamaxwebhu ashiyekileyo (IziHlomelo A ukuya ku-D nezizathu ezixhasayo) ngokumalunga nabasebenzi benkonzo karhulumente ngokubhekiselele kwithuba eliboniswe kumhlathi 1 apha ngasentla.
5. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwakho.
6. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:06

Isihlomelo E  (ubukhulu: 19 KB)