Esi sicwangciso siqhotyoshelweyo yinkcazo yenkqubo yopapasho lwezithuba nokuzaliswa kwezithuba ezingenabantu esele zabelwe imali (funded posts) ezikwinani lezithuba zeziko ezivunyiweyo (approved establishment) zakwaNdlunkulu nakwii-EMDC zethuba eliqalela kowoku-1 Apreli 2006 kuye kowe-31 Matshi 2007.

Izaziso zezithuba ezifike emva komhla ezilindeleke ngawo ziya kupapashwa kwibhulethini elandelayo ekhoyo okanye kumaphephandaba nakumajelo eendaba. Ibhulethini yesikhawu (special bulletin) iya kupapashwa kuphela ngemvume yoMlawuli wezoLawulo lwaBasebenzi (beNkonzo kaRhulumente) Director: Personnel Management (Public Service Staff).

Kucelwa wazise bonke abasebenzi abaziisuphavayiza abaphantsi kolawulo lwakho ngale program eqhotyoshelweyo ukuze bayithathele ingqalelo.



ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:01:01

Schedule  (ubukhulu: 7 KB)