1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) linovuyo ukwazisa ukuba iye yahlaziywa indlela izikolo emazenze ngayo izicelo zezithuba ezongezelelweyo ngenxa yokubangelwa kukwanda kwamanani kunye/okanye ziimfuno zekharityhulam nokuba ukususela nge-1 Januwari 2007 ezi zicelo ziya kusingathwa ngendlela yokusebenzisa ikhompyutha.
2. Isiphumo soku siya kuba kukukhawuleza kwenkqubo nokuqinisekisa ukuba izicelo zisingathwa kwangexesha lo gama izikolo zifumana izinto zakutshanje ngokuqhubekayo malunga nezicelo zazo.
3. Olu xwebhu (manual) luqhotyoshelweyo luchaza ngokupheleleyo le nkqubo intsha yokwenza isicelo kwaye lunika iinkcukacha zokuba kufikelelwa njani kwisistim nokuba sizaliswa njani isicelo. Okwangoku olu xwebhu lufumaneka ngesiNgesi kuphela yaye isi-Afrikansi nesiXhosa ziya kuthunyelwa ngo-2007.
4. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo ekuqinisekiseni ulawulo ngempumelelo lwale nkqubo.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:12:08


The following MS Word document(s) relate to this minute/circular.
To open the document(s) directly, click on the name below - to return to this minute/circular, close MS Word.
To save the document(s) for later editing / printing in MS Word, click on the "Save" option below.

Procedure for Application Manual  (".doc" version - size: 124 KB)   |   Save  ("zip" version - size: 88 KB)