1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lizimisele ukuzalisa izithuba zootitshala ezingenamntu ngokusisigxina njengoko oku kuya kuba negalelo elikhulu ekuqinisekiseni ngozinzo kwinkonzo yokufundisa.
2. Kwaye kwafikelelwa esigqibeni sokuba kutshintshwe umhla wokuvala kokufakwa kwezaziso zezithuba kwikhompyutha, wokutshekisha nokuhlaziya ingcaciso ekwiziko lewebhu ukuba ube yi-23 Juni 2006. Oku kwenze izikolo zaba nako ukufaka kwikhompyutha izithuba ezitsha ezibangelwe kukuqeshwa kootitshala okubangelwe zizaziso zoLuhlu lweZithuba 1/2006.
3. Umhla wokuvala omtsha ubangele ukuba kuhlaziywe yonke imihla eyayinikwe kule Ngcaciso eMfutshane DPE Minute 0015/2005-yomhla we-2 Disemba 2005. Le thebhile ilandelayo inika imihla ehlaziyiweyo echaphazelekayo yopapasho lwezithuba ezingenabantu esele zabelwe imali kuLuhlu lweZithuba 2/2006 oluzayo.
Ukufakwa kwezithuba kwikhompyutha nokungqinwa kwazo Ukupapashwa koluhlu lwezithubaUmhla wokuvalwa kokwamkelwa kweziceloI-WCED ithumela izicelo zezithuba ezikolweniIi-SGB zingenisa abatyunjiweyo kwi-WCEDI-WCED ivuma abo batyunjiweyoUmhla wokuqesha
23/6/200631/7/200622/8/200618/9/200620/10/200630/11/20061/01/2007
4. Intsebenziswano yabo bonke abachaphazelekayo iya kuthakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:07:19