1. Ngo-2005, kwangeniswa ii-inventri zamacandelo akho ngenjongo yokuba zisayinwe nguwe okokugqibela njengomntu onegunya lokwenza oko. Kunokwenzeka ukuba wawungekho ngeli xesha waza omnye umntu ongumsebenzi walapho wazisayina egameni lakho.
2. Xa umntu onegunya esayina okokugqibela, oko kwenziwa kusaziwa ngokucacileyo ukuba
2.1 zonke izixhobo zokusebenza (items) ezibhalwe kwi-inventri zikho ngokwenene kuloo ndawo ngokweenkcazo nangokweenombolo ezifanelekileyo.
2.2 akukho kungangqinelani kwezinto ezilapho nezo zibhalwe kwi-inventri
2.3 zonke izixhobo zokusebenza ziyipropathi karhulumente.
2.4 lowo unengunya lokusayina lusemagxeni akhe uxanduva lokusetyenziswa nokugcina ngokukhuselekileyo kwezo zixhobo zokusebenza.

3. Ukubalwa kwestokhwe (stocktake) esizizixhobo zokusebenza okuqhubekayo ngoku kusekelwe kwezi inventri..

4. Ukuba awuzange uyisayine ngokwakho i-inventri ye-ofisi yakho (ikopi ye-inventri iya kuba semva kocango lwe-ofisi), nceda utshekishe uluhlu uze ungqinisise ukuba ngaba zonke izixhobo zokusebenza (items) zikho ngokwenene na kuluhlu. Nceda uyisayine i-inventri uze ugqithisele ikopi yayo kuMnu Des Scholtz (Asset Manager), Room 609, Grand Central Towers.
5. Abalawuli mabangqinisise kumasekela-balawuli babo ukuba ngaba bayayiqonda ncam into ethethwa kukusayina okokugqibela ii-inventri zabo zee-ofisana ezincinane nezee-ofisi ezinkulu ezinabasebenzi abahleli ndawonye (open plan office).
6. Enkosi ngentsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:06