1. KwisiHlomelo A, umhlathi 3.5.2, seSetyhula 0062/2004 ye-15 Novemba 2004 wacelwa ukuba ungenise zonke iirhikhwizishini ungagqithanga umhla we-30 Novemba 2005 kwi-ofisi yoku-odola eKuils River. Eli nyathelo lenzelwa ukunika ithuba abasebenzi baseKuils River lokuba basingathe zonke iirhikhwizishini zee-odolo kunye nokunika kwakhona abathengisi beencwadi ixesha elaneleyo lokuzisa ezikolweni ukwenzela ukuba ii-invoyisi zibe nokungeniswa kwangexesha ukuze zihlawulwe.
2. Umhla wokuvala owabekwayo we-30 Novemba 2005 wamiselwa ngenxa yokuba imali eyabiwa ngokwemiMiselo neMigangatho yayenzelwe ukuba ifumaneke kunyaka-mali 2005/06 kwaye loo mali ifumaneka kuphela ukuya kuthi ga kwi-31 Matshi 2006.
3. Ngenxa yale meko ilapha ngentla, kungelishwa ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni kuya kufuneka limisele umhla wokuvala wokugqibela ukuze kubekho ixesha elaneleyo lokuhlawula ii-invoyisi kwangethuba.
4. Umhla obekiweyo wokuvala ukungeniswa kweerhikhwizishini sele ugqithile. Zonke iirhikhwizishini ezifunyenwe emva kwe-8 Matshi 2006, ziya kubuyiselwa ke ngoko ezikolweni. Ii-invoyisi ezingokumalunga ne-LTSM esele isiwe ezikolweni, kodwa ii-invoyisi zibe zifunyenwe emva kwe-8 Matshi 2006, azisayi kubasahlawulwa kulo nyaka-mali omiyo kwaye ngelishwa izikolo kuya kufuneka zizihlawulele ngokwazo kwiingxowa-mali zazo.
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:03:06

Annexure A of Circular 62/2004  (ubukhulu: 20 KB)