1. Njengoko nisazi, iisetyhula neengcaciso ezimfutshane zithunyelwa zikwifomathi ye-imeyili, kodwa izikolo ezingenazo izibonelelo ze-imeyili zibonelelwa ngekopi eziprintiweyo ezingamaphepha (hard copies). Ukuba iisetyhula neengcaciso ezimfutshane zinefayili eziqhotyoshelwe kuzo ezingenakho ukuthunyelwa nge-imeyili, kuya kwenziwa ukuba iikopi eziprintiweyo ezingamaphepha (hard copies) zifumaneke.
2. Ukuphendula kwimeko yokwanda kweendleko zokuhanjiswa kweposi esuka kwaNdlunkulu, eli candelo lakhuphela bonke abalawuli abaziintloko nabalawuli nge-17 Novemba 1998 isaziso malunga nokulandela amanyathelo okonga iindleko nasasebenzayo nangoku.
2.1 Iposi eqhelekileyo iya kuthunyelwa liCandelo lakwaRejistri ngoLwesine kuphela.
2.2 Iisetyhula neengcaciso ezimfutshane ezingamaphepha eziprintiweyo ziya kuthunyelwa ezikolweni qho kuLwesine wesithathu ngaphandle kokuba kukho ubungqina obuvela kumlawuli wecandelo bokuba isetyhula leyo okanye ingcaciso emfutshane inomhla omisiweyo kwaye kufuneka iposwe ngokukhawuleza. Ukuba ngaba isetyhula okanye ingcaciso emfutshane kufuneka ithunyelwe phambi komhla wokuposwa oqhelekileyo, icandelo elichaphazelekayo liya kuthwala uxanduva lokuhlawula iindleko zokuposa.
3. Imihla yokuthunyelwa kwezi setyhula okanye ngcaciso zimfutshane ngo-2007 yile ilandelayo:
11 Januwari 2007    28 Juni 2007
 1 Februwari 2007   19 Julayi 2007
22 Februwari 2007    8 Agasti 2007
15 Matshi 2007      30 Agasti 2007
 5 Apreli 2007      20 Septemba 2007
26 Apreli 2007      11 Oktobha 2007
17 Meyi  2007        1 Novemba 2007
 7 Juni 2007        22 Novemba 2007
4. Nayiphi na imibuzo malunga nokukule ngcaciso emfutshane mayibhekiswe komnye waba balandelayo:
Nks Martie Fick
Ifoni: 021 467 2758
I-Imeyili: mfick@pgwc.gov.za

Nks Charmaine Currie
Ifoni: 021 467 2757
I-Imeyili: ccurrie@pgwc.gov.za
5. Iya kuthakazelelwa into yokuba wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo.
6. Siya kuyithakazelela intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-J.T. SOLOMONS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:12:19