1. Ukwanda kwamanani abasebenzi kwaNdlunkulu kwiSebe iWCED ukususela ekuqalweni nasekuqhubela phambili kwalo kwithekhinoloji yokunxibelelana ngefoni, kwenze ukuba kube yimfuneko ukuba kutshintshwe inkqubo yefoni ebonelela ngeenkonzo kwaNdlunkulu kwizakhiwo i-Grand Central Towers nakwi-Sanlam Golden Acre.
2. Ukufakelwa nokugunyaziswa kwenkqubo yefoni kuya kuqhutywa ngexesha leeholide zeKresimesi (festive season) xa uninzi lwabasebenzi bakwaNdlunkulu lusekhefini, kwaye kuya kuqaliswa nge-18 Disemba 2006 kuze kugqitywe nge-17 Januwari 2007 xa kuvulwa izikolo.
3. Ngenxa yobukhulu bale projekthi kwakunye nobuninzi beefoni (telephone extensions) ekufuneka ziqhagamshelaniswe nenkqubo yefoni entsha, kungenzeka ukuba abasebenzi babe nengxaki yokuphazamiseka nokuqhawuka xa besebenzisa iifoni.
4. Ukuba nabaphi na abasebenzi bafumana ingxaki malunga nokunxibelelana ngefoni emva kokuba kugqitywe ukufakelwa kwale nkqubo intsha yefoni nge-17 Januwari 2007, bayacelwa ke ukuba bachazele iCandelo leeNkonzo zeFoni kwezi nombolo: 2792, 2793 no-2794 khon' ukuze loo ngxaki isonjululwe.
5. Okuqulethwe kule ngcaciso makwaziswe bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo. Nayiphi na imibuzo malunga nokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane, mayibhekiswe ngqo kuMnu DH Rossouw kule nombolo: 021 467 2793.


ISAYINWE: NGU-J.T. SOLOMONS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:12:18