1. Ikomiti yoKhuphiswano ngamaXabiso (Bid Committee) yeSebe leMfundo leNtshona Koloni iya kuhlangana ngale mihla ilandelayo ngo-2007.

InyangaUsukuInyangaUsuku
Januwari29Julayi2, 16 & 30
Februwari12 & 26Augasti13 & 28
Matshi12 & 26Septemba10 & 26
Apreli16 & 23Oktobha8 & 22
Meyi7 & 21Novemba5 & 19
Juni4 & 18Disemba3 & 10

2. Nceda uqaphele ukuba iirikhwizishini zeziniki-maxabiso ezimiselweyo (formal bids) mazingeniswe ubuncinane kwisithuba seentsuku ezingama-90 phambi kokuba kufuneke iimpahla okanye iinkonzo ezithengwayo.
3. Ukuthintela ukuba iKomiti yoKhuphiswano ngamaXabiso ibe phantsi koxinzelelo lokuba yenze izindululo zokutenxa kwiinkqubo eziqhelekileyo zokuthengwa kweempahla neenkonzo, uyacelwa ukuba ucwangcise kakuhle uze ungenise iirikhwizishini zakho phambi kwe-31 Oktobha 2007.
4. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-H.J. FISCHER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2007:01:08