1. Imimiselo yokuthengwa kweempahla neenkonzo imisela ukuba akukho zithenda mazivale ngethuba elisusela kwi-15 Disemba ukuya kwi-15 Januwari lawo nawuphi na unyaka-mali. Ngako oko ke, iirikhwizishini zokuthengwa kwezi mpahla neenkonzo zilandelayo mazingeniswe kwiCandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo ungadlulanga owe-30 Novemba 2006:

(a) Iimpahla kunye/okanye iinkonzo ezithengwe ngokusebenzisa inkqubo yeethenda
(b) Zonke izixhobo, ezinjengefenitsha kunye nezixhobo zekhompyutha (computer equipment)
(c) Ezinye iimpahla kunye/okanye iinkonzo ezinjengezinto ezifunwa zii-ofisi namakhatriji eprinta

2. Mabancede abaphathi abajongene nestokhwe (responsibility managers) baqhoboshele le fom BAS Expenditure Structure form (PGWC 002) ezaliswe zonke iinkcukacha kwiirikhwizishini zabo. Mababonise kuloo fom ukuba yimalini na eyabelwe into nganye okanye inkonzo nganye.
3. Makusoloko kukhunjulwa ukuba ukuthengwa kwefenitsha kunye nezixhobo zomsebenzi yinkqubo ethatha ixesha elide kwaye idla ngokubandakanya ithuba lokusiwa kwezo zinto zithengiweyo eliziintsuku ezili-60. Kukwabalulekile nokuba ezi mpahla kunye nezi nkonzo mazihlawulwe ungekapheli unyaka-mali. Ngenxa yesi sizathu, iirikhwizishini zefenitsha kunye nezezixhobo zokusebenza aziyi kwamkelwa emva komhla we-15 Disemba 2006.
4. Niyacelwa ukuba nazise bonke abachaphazelekayo okukule ngcaciso emfutshane.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2006:11:17